YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 23

23
UYesu ulumkisa ngabachazi-mthetho nabaFarasi
(Marko 12:38-39; Luka 11:43,46; 20:45-46)
1Waza uYesu wathetha nesihlwele nabafundi bakhe, 2esithi: “Abachazi-mthetho *nabaFarasi banegunya lokuchaza *umthetho kaMosis. 3Ke ngoko kuveni nikwenze konke abanokuthi banixelele kona; kodwa ukwenza ze ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bayathetha baze kwabona bangakwenzi oko bakuthethileyo. 4Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo. 5Konke okulungileyo abakwenzayo, bakwenzela ukuze babonwe ngabantu. Bawabopha ngemixwayo ebanzi amaqhaga anezicatshulwa zomthetho; bazenze nde iintshinga zezambatho zabo; 6bathande iindawo zamawonga ezidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungo; 7bathande ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, bethanda nokuba abantu bathi kubo: ‘Mfundisi!’ 8Ke kuni ze kungathiwa ‘mfundisi,’ kuba mnye uMfundisi eninaye, nibe nina nonke niyimilowo. 9Ze ningabizi mntu emhlabeni apha ngokuthi nguyihlo, kuba mnye uYihlo, lowo ke usezulwini. 10Ngokukwanjalo ze kungàthiwa niziinkokheli, kuba mnye uMkhokeli wenu, *uKrestu ke. 11Omkhulu kuni makabe sisicaka senu. 12Lowo uziphakamisayo uya kuthotywa, athi lowo uzithobayo aphakanyiswe.”
UYesu ukhalimela abachazi-mthetho nabaFarasi
(Marko 12:40; Luka 11:39-42,44,52; 20:47)
13“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Niyabathintela abantu ekulawulweni nguThixo, kuba nina ngokwenu anivumi ukulawulwa nguye, nize nibanqande nâbo bafuna ukulawulwa nguye.
[ 14“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Niyayiphanga imizi yabahlolokazi, nize nihanahanise nitsho ngemilembelele yemithandazo. Ngenxa yoko niya kufumana esona sohlwayo sikhulu.]
15“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.
16“Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’ 17Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide? 18Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’ 19Zimfamandini, ngaba yintoni na enkulu? Ngaba ngumnikelo lowo, okanye liqonga lamadini elenza ubaluleke loo mnikelo? 20Ngoko ke, othe wafunga iqonga lamadini, ufunga lona kwanako konke okuphezu kwalo; 21nalowo uthe wafunga indlu kaThixo, ufunga yona kwanalowo iyindlu yakhe. 22Othe wafunga izulu, ufunga ikomkhulu likaThixo, efunga lowo uphetheyo apho.
23“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Ninikela kuThixo ngesishumi sayo imifuno enjengetyeleba nedile nekumin, kanti niyazityeshela ezona zinto zizizo zomthetho: ubulungisa, inceba, nentembeko. Ezi zinto benimelwe kukuzenza, nithi neziya ningazityesheli. 24Zinkokhelindini eziziimfama, nihluza imbuzane, nisuke niginye isilo esingangenkamela.
25“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kokufunyenwe ngokuphanga nokunyoluka. 26MFarasindini oyimfama, kuqala hlambulula umphakathi wendebe, wothi ke nomphandle ube uhlambulukile.
27“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nifana namangcwaba avetiweyo, ambonakalo intle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo ezidumbu nako konke okungcolileyo. 28Ngokukwanjalo nani okunene nibonakala ebantwini ngathi ningamalungisa, kanti ngaphakathi ezintliziyweni nizele luhanahaniso nenkcaso-mthetho.”
UYesu uthetha ngesohlwayo sabachazi-mthetho nabaFarasi
(Luka 11:47-51)
29“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Nakha amangcwaba *abashumayeli, nizihombise iindawo zokufihlwa kwamalungisa. 30Nithi: ‘Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, ngesingahambisananga nabo ngokubulawa kwabashumayeli.’ 31Ngokutsho nina ngokwenu niyangqina ukuba ningoonyana bâbo bababulalayo abashumayeli. 32Qhubelani phambili ke, nikufeze oko kwaqalwayo ngooyihlo. 33Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, nothini na ukusinda ningàgwetyelwa isihogo? 34Ke ngoko, niyabona, ndonithumela abashumayeli, nezilumko, nabachazi-mthetho. Inxenye yabo niya kuyibulala, niyibethelele eminqamlezweni; inxenye niyikatse *ezindlwini zenu zesikhungo, nibatshutshisa kwizixeko ngezixeko. 35Ngako oko lobizwa kuni igazi lawo onke amalungisa elithe laphalazwa emhlabeni, ukususela kwelika-Abheli olilungisa, kuse kwelikaZakariya, unyana kaBherekiya, enambulalela endlwini kaThixo phakathi kwengcwele neqonga lamadini. 36Ndithi kuni, inene, isohlwayo sazo zonke ezo zinto siya kuba phezu kwabantu besi sizukulwana.”
UYesu usizela iJerusalem
(Luka 13:34-35)
37“Jerusalem, Jerusalem, wena mbulali *wabashumayeli, ubaxuluba ngamatye abo bathunywe kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza àwavuma! 38Niyabona ke, uThixo uyanifulathela nomzi wenu. 39Ndithi kuni, ukususela ngoku anisayi kuba sandibona, de nithi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’ ”

Currently Selected:

UMATEWU 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy