YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 22

22
Umzekeliso ngesidlo esikhulu
(Luka 14:15-24)
1Waphinda uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: 2“Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owamenzela umsitho unyana wakhe. 3Wazithuma izicaka zakhe ukuba ziye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni. Kodwa bona abavumanga; 4waphinda wathuma ezinye izicaka, esithi mazithi kwâbo bamenyiweyo: ‘Niyabona, isidlo sam sendisilungisile. Iinkomo zam nempahla yam etyetyisiweyo sezixheliwe. Konke sekulungile; yizani emsithweni.’ 5Kodwa nangoko abo bamenyiweyo abayikhathalelanga loo nto, basuka omnye waya emasimini akhe, omnye waya evenkileni yakhe; 6baza bathi abanye bazibamba izicaka ezi, baziphatha kakubi, bazibulala. 7Waba nomsindo ke ukumkani, wathuma amajoni akhe, wabatshabalalisa abo babulali, wayitshisa idolophu yabo. 8Waza wathi kwizicaka zakhe: ‘Okunene umsitho sewulungile, kodwa abamenyiweyo abafanelekanga. 9Ke ngoko yiyani apho zihlangana khona iindlela, nibamemele emsithweni bonke abantu enibafumanayo.’ 10Zaphuma ezo zicaka, zaya ezindleleni, zabahlanganisa bonke abo zabafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo. Indlu yomsitho yazala yema ngeembambo.
11“Kwathi, akungena ukumkani, esiya kubona abasemsithweni, wabona kukho umntu ongayambathanga ingubo yomsitho, 12waza wathi kuye: ‘Mfondini, ungene njani na apha ungenáyo ingubo yomsitho?’ Wakhohlwa kukuphendula. 13Waza ukumkani wathi kwizicaka: ‘Mbopheni izandla neenyawo, nimphose phandle ebumnyameni lee, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’ 14Kaloku baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo.”
Umbuzo ngerhafu
(Marko 12:13-17; Luka 20:20-26)
15Bâya kubhunga ke *abaFarasi, becebisana ngokumbambisa ngamazwi uYesu. 16Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe. 17Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga?”
18Ke uYesu, eyazi inkohlakalo yabo, wathi kubo: “Bahanahanisindini, nindilingelani na? 19Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.”
Bayizisa ke, 20waza wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso neli gama?”
Bathi kuye: “NgokaKhesare.”
21Waza uYesu wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
22Bakuva bamangaliswa, bamyeka bemka.
Umbuzo ngovuko lwabafileyo
(Marko 12:18-27; Luka 20:27-40)
23Kwangaloo mini kweza *abaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza 24besithi: “Mfundisi, uMosis wathi: ‘Ukuba ubani uthe wafa engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi womfi lowo, azalelwe abantwana.’ 25Ke kaloku, phakathi kwethu kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana, waza umfazi lowo waba ngowomninawa. 26Nomninawa lowo wabhubha kungekho mntwana, umfazi waba ngowowesithathu. Kwaba ngokunjalo nakulo mninawa, kwada kwaya kowesixhenxe. 27Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. 28Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babenaye.”
29Waphendula uYesu, wathi kubo: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo. 30Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini. 31Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, aniyifundanga na into ethethwe kuni nguThixo, esithi: 32‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’? UThixo ke akaThixo wabafileyo, ungowabaphilayo.”
33Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe.
Owona myalelo mkhulu
(Marko 12:28-34; Luka 10:25-28)
34*AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana, 35waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga, 36wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?”
37Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’ 38Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. 39Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ 40Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.”
UKrestu unyana kaDavide
(Marko 12:35-37; Luka 20:41-44)
41Xa babehlanganisene *abaFarasi, uYesu wababuza esithi: 42“Nithini na nina ngaye *uKrestu? Úyinto kabani?”
Baza bathi: “NgokaDavide.”
43Waza wathi kubo: “Kutheni na ke phofu ukuba ngamandla oMoya uDavide abize uKrestu ngokuthi ‘Nkosi’, apho athi:
44“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:
Hlala ngakum kweli wonga,
lo gama ndikoyisela iintshaba zakho’?
45“Ukuba uDavide uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ukuba ngunyana wakhe?” 46Akubangakho namnye unako ukuphendula nelizwi eli; kwathi, ukususela kuloo mini, akwaba sabakho bani unesibindi sakumbuza nento le.

Currently Selected:

UMATEWU 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy