YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 19

19
Uqhawulo-mtshato
(Marko 10:1-12)
1Wathi uYesu akugqiba ukuwathetha la mazwi, wemka eGalili, wafika kwimida yelakwaJuda, phesheya kweJordan. 2Walandelwa yinkitha yabantu, wabaphilisa.
3Bafika kuye *abaFarasi, bambuza bemlinga, bathi: “Ngaba kuvumelekile na okokuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu?”
4Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi. 5Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’ ? 6Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
7AbaFarasi bathi kuye: “Kwakutheni ke ngoko ukuba uMosis avumele indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize imale umfazi wayo?”
8UYesu wathi kubo: “Kwakungokuba lukhuni kweentliziyo zenu ukuba uMosis anivumele nibàle abafazi benu, kodwa ekuqalekeni kwakungenjalo. 9Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga, aze athathe omnye, nguye okrexezayo.”
10Ke abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ukuba unjalo umcimbi wendoda nomfazi, ukuzeka akulunganga.”
11Waza wathi kubo: “Asingabo bonke abanako ukungàzeki, kuphela ngabo baphiweyo nguThixo. 12Kuba kaloku bakho abangenamnqweno wakuzeka, ngenxa yokuba bâzalwa benjalo, okanye bênziwa banjalo ngabantu, kanti bakwakho nâbo bakuncamileyo ukuzeka ngenxa yokuthobela ulawulo lukaThixo. Onako ukuyiva le nto makaqiqe.”
UYesu usikelela abantwana
(Marko 10:13-16; Luka 18:15-17)
13Kwaziswa abantwana kuYesu, ukuba ababeke izandla, abathandazele. Basuka abafundi bakaYesu babakhalimela abo babezisa abantwana; 14waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.” 15Wababeka izandla abantwana, wemka.
Umfana osisityebi
(Marko 10:17-31; Luka 18:18-30)
16Kwabonakala mntu uthile esiza kuYesu, wathi: “Mfundisi, ndingenza ntoni ilungileyo ukuze ndibe nobomi obungunaphakade?”
17UYesu wathi kuye: “Kutheni ukuba undibuze ngokulungileyo? Mnye kuphela olungileyo. Ukuba ufuna ukubudla ubomi, yigcine imiyalelo.”
18Waza wathi: “Yiyiphi le miyalelo?”
UYesu wathi: “Yile ithi: Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, 19beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
20Ke umfana lowo wathi kuYesu: “Zonke ezi zinto ndazigcina. Ngaba kusafuneka ndenze ntoni na?”
21UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
22Ekuvilé oku, umfana lowo wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.
23Waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndithi kuni, inene, kunzima kakhulu ukuba isityebi sibuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. 24Kananjalo ndithi kuni, kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
25Bakukuva oku abafundi, bamangaliswa kunene, bathi: “Ngubani na ke onokusindiswa?”
26Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”
27Wathi ke uPetros: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela. Ngaba siya kufumana ntoni na ke thina?”
28Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, nina eningabalandeli bam nothi kwiphakade elitsha, xa *uNyana woLuntu ahleli ebhotwe lobungangamsha bakhe, nani nihlale kwizihlalo zobukhosi ezilishumi elinambini, nibagwebe abezindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. 29Wonke umntu oncame ikhaya nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela ngokuphinda-phindiweyo, abe nenxaxheba kubomi obungunaphakade. 30Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”

Currently Selected:

UMATEWU 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy