YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 18

18
Oyena mkhulu
(Marko 9:33-37; Luka 9:46-48)
1Ngelo xesha abafundi bakaYesu beza kuye, babuza besithi: “Nguwuphi oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo? ”
2UYesu wabizela umntwana kuye, wammisa phambi kwabo, 3wathi: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumgangatho wabalawulwa nguThixo. 4Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana. 5Othe egameni lam wamkela nokuba mnye onje, wamkela mna.”
Ngezikhubekiso
(Marko 9:42-48; Luka 17:1-2)
6“Othe wakhubekisa nokuba mnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzonzobileni yolwandle. 7Hayi ihlabathi ngezikhubekiso! Azinakungezi izinto ezibakhubekisayo abantu, kodwa hayi loo mntu kuza ngaye ukukhubeka!
8“Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luyakukhubekisa, lunqumle, ululahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima okanye usisiqhwala, kunokuba uthi, unezandla zozibini, okanye uneenyawo zombini, uphoswe emlilweni wangonaphakade. 9Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe, ulilahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.”
Umzekeliso ngegusha eyayilahlekile
(Luka 15:3-7)
10“Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini. [ 11Kaloku *uNyana woLuntu weza kusindisa abo balahlekileyo.]
12“Nithini ke nina? Ukuba ubani unekhulu leegusha, kuze kulahleke ibe nye kuzo, akayi kuzishiya na edlelweni ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo? 13Ukuba ke uthe wayifumana, ndithi kuni, inene, uyavuya kukuyifumana leyo ngaphezu kokuba evuya zezinye ezimashumi alithoba anesithoba ezingalahlekanga. 14Kwangokunjalo naye uYihlo osezulwini akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinane.”
Ikholwa eliziphethe kakubi
15“Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu. 16Ke ukuba úthe akeva, yiya kuye uhamba nomnye umntu, nokuba babini, ukuze loo ngxoxo ibe namangqina amabini okanye amathathu. 17Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.
18“Ndithi kuni, inene, konke enithe nakubopha emhlabeni, kuya kubotshwa nasezulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kuya kukhululwa nasezulwini.
19“Kananjalo ndithi kuni, ukuba ababini kuni bathe bavana emhlabeni nangayiphi na indawo abanesicelo ngayo, baya kuyenzelwa nguBawo osezulwini; 20kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.”
Umzekeliso ngesicaka esingafuni kuxolela
21Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?”
22UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe. 23Kaloku ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owafuna ukuphicotha amatyala ezicaka zakhe. 24Zisukanje kwaziswa kuye isicaka esinetyala elikhulu lemali. 25Esi sicaka sasingenanto yakulihlawula eli tyala, yaza ke inkosi yayalela ngelithi makuthengiswe ngaso, nomfazi waso, nabantwana baso, babe ngamakhoboka, kuthengiswe nangako konke esinako, kuhlawulwe eli tyala. 26Eso sicaka ke sawa ngamadolo phambi kokumkani, sambongoza sisithi: ‘Nkosi yam, khawundinyamezele; ndokuhlawula konke.’ 27Yavelana naso inkosi, yasixolela elo tyala, yasikhulula.
28“Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’ 29Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’ 30Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala. 31Zathi ke ezinye izicaka, zikubonile okwenzekileyo, zakhathazeka kakhulu, zaya kuxelela inkosi yazo konke okwenzekileyo. 32Yaza inkosi yasibiza eso sicaka senze loo nto, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, ndâkuxolela lonke elaa tyala wakundibongoza; 33ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kosisicaka kunye nawe, njengokuba nam ndikwenzele inceba?’ 34Yacaphuka inkosi yaso, yasithumela entolongweni ukuba sohlwaywe de silihlawule lonke ityala laso. 35Uya kwenjenjalo ke nakuni uBawo osezulwini, ukuba anithanga nonke ngabanye nawaxolela ngokupheleleyo amawenu iziphoso zawo.”

Currently Selected:

UMATEWU 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy