YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 12

12
Imfundiso kaYesu malunga noMhla wokuPhumla
(Marko 2:23-28; Luka 6:1-5)
1Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla baza bathi abafundi bakhe belambile, bakha izikhwebu zengqolowa, batya. 2*AbaFarasi, bekubona oko, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla.”
3Wathi kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? 4Kaloku wangena endlwini kaThixo, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo. Kanti ngokomthetho ezi zonka yena neqela lakhe babengamelwe kuzitya. Ngababingeleli kuphela ababenelo lungelo. 5Khona, anifundanga na *emthethweni kaMosis okokuba ababingeleli bayawaphula umthetho woMhla wokuPhumla endlwini kaThixo, bangabi natyala noko? 6Ke ndithi kuni, lo ulapha mkhulu kunendlu. 7Ukuba benisazi okokuba ithetha ukuthini na le ndawo ithi *eziBhalweni: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo,’ ngeningabagwebanga abangenatyala. 8Kaloku *uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla wokuPhumla.”
Ukuphiliswa kowome isandla
(Marko 3:1-6; Luka 6:6-11)
9Emkile apho uYesu, waya kungena *kwindlu yesikhungo. 10Apho babona umntu owome isandla. Abantu abathile, benenjongo yokummangalela uYesu, bambuza besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa *ngoMhla wokuPhumla?”
11Waza wathi kubo: “Ukuba ngaba kukho ubani kuni enegusha, yaza loo gusha yeyela emngxunyeni ngoMhla wokuPhumla, akayi kuyirhola na? 12Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.” 13Wathi ke kuloo mntu: “Solule isandla sakho.”
Wasolula, saza saphila isandla sakhe, safana nesinye. 14Baphuma ke abaFarasi, babhunga ukumbulala uYesu. 15Ekwazile oko, uYesu wemka apho.
Esona siCaka sikaThixo
UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke, 16ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye, 17ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:
18“Naso isiCaka sam endisinyulileyo,
eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.
Ndosifaka uMoya wam,
sizazise isigwebo iintlanga.
19Asiyi kuba nephike sikhwaze,
lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.
20Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,
nesibane esilozizayo asiyi kusicima.
Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.
21Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”
UYesu uyaphoxwa
(Marko 3:20-30; Luka 11:14-23)
22Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona. 23Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”
24Kodwa bona *abaFarasi, bakukuva oku, bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”
25UYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyabhanga; nedolophu, nokuba ngumzi, ovukelana wodwa, awunakuba nankqubela. 26Ke ukuba uSathana ukhupha uSathana, evukelene kwayedwa nje, lothini na ukungawi ulawulo lwakhe? 27Ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo. 28Ukuba ke ndizikhupha ngoMoya kaThixo iindimoni, ulawulo lukaThixo aluthwasanga, lugalelekile kuni.
29“Angathini umntu ukungena endlwini yegorha, ahluthe impahla yalo, engathanga kuqala alibophe igorha elo, aze ke andule ukuyiphanga indlu leyo.
30“Lowo ungekho kwicala lam, uchasene nam, nalowo ungandincedisiyo ukuqokelela, uyachitha. 31Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa. 32Othe wathetha ilizwi elichasene naye *uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.”
Umthi neziqhamo zawo
(Luka 6:43-45)
33“Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo. 34Nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuba nako ukuthetha okulungileyo, nikhohlakele nje? Kaloku umlomo womntu uphuphuma oko intliziyo izele kuko. 35Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye.
36“Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha. 37Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”
Umqondiso kaJona
(Marko 8:11-12; Luka 11:29-32)
38Abathile kubachazi-mthetho *nabaFarasi bathi kuYesu: “Mfundisi, sicela ukuba usibonise umqondiso.”
39Wabaphendula wathi kubo: “Sisizukulwana esikhohlakeleyo, esikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona; 40kuba njengokuba uJona wayemihla mithathu nabusuku buthathu esiswini sesilo esikhulu solwandle, wothi naye *uNyana woLuntu abe mihla mithathu nabusuku buthathu emathunjini omhlaba. 41Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku phakathi kwenu. 42Ngomhla womgwebo ukumkanikazi wasezantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku phakathi kwenu.”
Ukubuya kwendimoni
(Luka 11:24-26)
43“Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna indawo yokuphumla; ize yakuba ingayifumani, 44isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ Ithi yakufika, iyifumane izé, itshayelwe, ilungisiwe; 45ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyakuqala. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.”
Ezona zizalwana zikaYesu
(Marko 3:31-35; Luka 8:19-21)
46Kwathi uYesu esathetha nesihlwele, kwafika abantakwabo nonina, bema phandle, befuna ukuthetha naye. 47Kwaza kwakho othi kuye: “Nanku unyoko nabantakwenu phandle, befuna ukuthetha nawe.”
48Waphendula wathi kulowo wayesitsho: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?” 49Esalatha abafundi bakhe ngesandla, wathi: “Nanku umama, naba abantakwethu. 50Kaloku lowo uyenzayo intando kaBawo osezulwini nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

Currently Selected:

UMATEWU 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy