YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 8

8
Abafazi ababelungiselela uYesu
1Kwathi emva koko uYesu watyhutyha iidolophu ngeedolophu neelali ngeelali, evakalisa eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo. Wayehamba nabafundi bakhe abalishumi elinambini. 2Kwakukho nabafazi abathile ababephiliswe kwiindimoni nasebulwelweni. YayinguMariya ekuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iindimoni ezisixhenxe, 3noYohana, umka-Kuza, igosa likaHerode, noSusana, kwanabanye abaninzi. Bona babelungiselela uYesu nabafundi bakhe.
Umzekeliso ngomhlwayeli
(Mat 13:1-9; Marko 4:1-9)
4Ke kaloku, kwakuba kuhlanganisene isihlwele esikhulu, kusuke abantu beelali ngeelali beza kuye, uYesu wathetha nabo ngomzekeliso, esithi: 5“Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe enye yawa ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zayichola-chola zayigqiba. 6Yimbi yawa elulwalweni, yathi isantshula yatsha ngenxa yokuba umhlaba ubungafumanga. 7Yimbi yawa phakathi kokhula, lwasuka ukhula lwakhula kunye nayo, lwayiminxa. 8Yimbi yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yathwala isiqhamo ngokuphindwe kalikhulu.”
Etshilo ke wadanduluka esithi: “Oneendlebe zokuva makeve!”
Injongo yemizekeliso
(Mat 13:10-17; Marko 4:10-12)
9Ke abafundi bakaYesu bambuza besithi: “Ngaba uthetha ntoni na lo mzekeliso?”
10Wathi ke yena: “Nikuphiwe nina okokuba nizazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje, ukuze, njengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“ ‘Bebona nje, bangaboni;
besiva nje, bangaqondi.’ ”
Ingcaciso yomzekeliso
(Mat 13:18-23; Marko 4:13-20)
11“Ke kaloku lo mzekeliso uchazwa kanje: Imbewu le lilizwi likaThixo. 12Abo bangasendleleni ngabo bevayo, aze eze umtyholi alisuse ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa basindiswe. 13Abo ke baselulwalweni ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele ngovuyo, kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, kuba bakholwa okomzuzwana, ze bathi bakuhendwa, balahle. 14Leyo yawayo elukhuleni, ngabo bathi bevile baminxwe ekuhambeni kwabo ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baze bangavelisi ziqhamo. 15Ke leyo isemhlabeni omhle ngabo bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bathwale iziqhamo benomonde.”
Umzekeliso ngesibane
(Marko 4:21-25)
16“Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe. 17Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele, yaziwe.
18“Ze nive kakuhle ke; kuba lowo unolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto aba unayo.”
Ezona zizalwana zikaYesu
(Mat 12:46-50; Marko 3:31-35)
19Ke kaloku abantakwabo nonina kaYesu bafika, kodwa àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele. 20Waxelelwa ke kusithiwa: “Nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, befuna ukukubona.”
21Waphendula yena wathi kubo: “Umama nabantakwethu ngâbo bathi bakuliva ilizwi likaThixo balenze.”
UYesu uzolisa isaqhwithi
(Mat 8:23-27; Marko 4:35-41)
22Kwathi ngamhla uthile uYesu waya kukhwela esikhitshaneni kuLwandle lwaseGalili. Babekho nabafundi bakhe, waza wathi kubo: “Masiwele siye ngaphesheya.” Banduluka ke.
23Ekuhambeni kwabo uYesu walala ubuthongo. Kwavuka isaqhwithi elwandle, isikhitshana sazala ngamanzi, baba sengozini. 24Baza abafundi bamvusa uYesu, besithi: “Mhlekazi, safa!”
Wavuka ke uYesu, wawukhalimela umoya namaza alatyuzayo. Wadamba umoya, amaza ayeka ukulatyuza, kwabakho ukuzola. 25Waza wathi kubo: “Luphi na ukholo lwenu?”
Bona ke babesoyika, bemangalisiwe, besithi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani lo ude alulanyelwe ngumoya nangamanzi!”
Ukuphiliswa komGergesa oneendimoni
(Mat 8:28-34; Marko 5:1-20)
26Ke kaloku bahamba ngesikhitshana, baya ezweni lamaGergesa, elikhangelene nelaseGalili. 27Kwathi uYesu akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile yaloo dolophu, eyayiphethwe ziindimoni. Yayinexesha elide ihamba ze, ingahlali ndlwini, ihlala emangcwabeni. 28Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.” 29Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo.
30UYesu ke wayibuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”
Yathi yona: “NdinguMkhosi,” kuba yayingenwe ziindimoni ezininzi. 31Iindimoni ezi zazimbongoza uYesu ukuba angazigxotheli enzonzobileni.
32Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho entabeni, zaza zambongoza ukuba azivumele ziye kungena kuwo. Wazivumela. 33Zaphuma ke iindimoni endodeni leyo, zangena ezihagwini, waza umhlambi lowo waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.
34Bakukubona okwenzekileyo, abo babezalusa ezi hagu babaleka, baya kukuxela edolophini nasemaphandleni okuhlileyo. 35Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto yenzekileyo. Bafika kuYesu, bayifumana loo ndoda wayekhuphe kuyo iindimoni ihleli phantsi ngakuYesu, inxibile, inengqondo; baza ke boyika. 36Abo babekubonile okwenzekileyo babaxelela ngendlela yokuphiliswa kwendoda eyayiphethwe ziindimoni. 37Yaza yonke loo nkitha yommandla wamaGergesa yambongoza uYesu ukuba emke khona, kuba babesoyika kakhulu. UYesu ke waya kungena esikhitshaneni, wemka.
38Ke kaloku indoda leyo zazikhutshwe kuyo iindimoni yayimbongoza uYesu, ifuna ukuhamba naye, kodwa uYesu wayindulula, esithi: 39“Goduka, uyibalise into oyenzelwe nguThixo.” Yemka ke, yahamba iyibalisa kuyo yonke idolophu loo nto iyenzelwe nguYesu.
Ukuphiliswa kwentombi kaJayiro nomfazi owachukumisa uYesu
(Mat 9:18-26; Marko 5:21-43)
40Kwathi akubuya uYesu, izihlwele zamamkela, kuba bonke babemlindile. 41Kwabonakala kusiza indoda egama linguJayiro, eyayiligosa lendlu yesikhungo. Yona yazikhahlela phantsi ngasezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba eze endlwini yayo, 42kuba yayigulelwa yintombi yayo iqhawuka. Le yayikukuphela kwentombi yayo, iminyaka ngathi ilishumi elinambini izelwe.
Ke kaloku ekuyeni kukaYesu apho, izihlwele zazimxinile. 43Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini, engenakuphiliswa bani, 44usondele ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sakhe, lanqamka kwangoko igazi.
45UYesu wathi: “Ngubani lo undichukumisileyo?”
Bakungazi ke bonke, uPetros wathi: “Mhlekazi, isihlwele sikungqongile, sikuxinile.”
46Kodwa uYesu wathi: “Ukho ondichukumisileyo, kuba ndiyaqonda ukuba akho amandla aphumileyo kum.”
47Uthe ke umfazi lowo, ebona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, waxela phambi kwabo bonke abantu ukuba umchukumisele ntoni na, ekuxela nokuphiliswa kwakhe ngesikhawu. 48UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!”
49Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.” 50Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.” 51UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo. 52Babelila bonke, besenza isijwili; waza wathi: “Sanukulila! Ayifanga; ilele nje le ntombazana.”
53Basuka bamwa ngentsini, besazi ukuba ibhubhile. 54Ke yena wayibamba ngesandla, wayibiza esithi: “Ntombazana, vuka!”
55Wabuya umoya wayo, yaphakama kwangoko; waza wayalela ukuba inikwe ukutya. 56Bamangaliseka abazali bayo, waza wabayala ukuba bangayixeleli mntu loo nto yenzekileyo.

Currently Selected:

ULUKA 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy