YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 2

2
Ukuzalwa kukaYesu Krestu
(Mat 1:18-25)
1Kwathi ngaloo mihla kwaphuma ummiselo *kuKhesare Agasto othi lonke elimiweyo malibhalise. 2Olu bhaliso lokuqala lwabakho uKireniyo eyirhuluneli yaseSiriya. 3Babesithi ke bonke baye kubhalisa, elowo kweyakowabo idolophu.
4UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide. 5Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe, 6kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe. 7Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.
Abelusi nezithunywa
8Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku. 9Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu. 10Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu. 11Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi *onguKrestu iNkosi. 12Nantsi into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.”
13Ngequbuliso kwabakho inkitha yezithunywa zezulu, ikunye nesithunywa eso, idumisa uThixo, isithi:
14“Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.”
15Zakuba zimkile izithunywa, zisiya ezulwini, abelusi abo bathi omnye komnye: “Masihambe siye eBhetelehem, siyibone le nto ihlileyo, le siyazisiweyo yiNkosi.”
16Bakhawuleza ke baya, bafika kuMariya noJosefu, kwanalo usana lulele emkhumbini wesitali. 17Bathi bakuba bebonile, bawabhengeza amazwi awayethethwe kubo ngaye lo mntwana; 18baza bonke abawevileyo bamangaliswa zezo zinto zazithethwa kubo ngabelusi. 19Yena uMariya wazigcina zonke ezo zinto entliziyweni yakhe, wamana ezetyisa. 20Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.
UYesu usiwa endlwini kaThixo
21Akuba ntsuku zisibhozo umntwana ezelwe, kungumhla wokwaluswa kwakhe, uthiywe igama *elinguYesu, elo wayelithiyiwe sisithunywa sezulu engekakhawulwa nokukhawulwa.
22Zakuba ke zifezekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo *ngokomthetho kaMosis, uJosefu noMariya benyuka naye uYesu, baya eJerusalem, ukuze bamnikele eNkosini, 23njengoko kubhaliwe emthethweni weNkosi kwathiwa: “Yonke into eliduna eyeyamazibulo mayinikelwe eNkosini.” 24Babesiya kwenza nomnikelo, njengoko kusitshiwo emthethweni weNkosi ukuthi: “Makunikelwe ngesibini samahobe, nokuba ngamathole amabini evukuthu.”
25EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele. 26Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi. 27Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho, 28uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi:
29“Nkosi, ngokwesithembiso sakho,
uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo,
30kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
31olulungiselele bonke abantu,
32ulukhanyiso lokukhanyisela iintlanga,
lubalula abantu bakho amaSirayeli.”
33Abazali bakhe bamangaliswa zezo zinto zithethwayo ngoYesu. 34USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo, 35ze ngale nkcaso kutyhileke iingcamango zabaninzi. Kanti ke nowakho umphefumlo uya kubindeka.”
36Kwalapho kwakukho nentokazi *eyayingumshumayeli, uAna, intombi kaFanuweli wendlu ka-Ashere. Wayeselaluphele kakhulu. Akuba endile, uhleli iminyaka esixhenxe kuphela kunye nendoda yakhe, 37waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini. 38Wasondela ke ngelo lixa uAna, wathelela ekudumiseni uThixo. Wayethetha ngoMntwana lowo kubo bonke ababelindele ukukhululwa kweJerusalem.
39Bakuba ke bezifezekisile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela eNazarete, idolophu yakowabo kwelaseGalili.
UYesu phakathi kwabafundisi
40Ke kaloku uYesu wakhula, waya esomelela, enobulumko obukhulu, ubabalo lukaThixo lunaye.
41Abazali bakhe babehambela eJerusalem minyaka le, besiya kwitheko *lePasika. 42Kuthe ke xa uYesu wayeminyaka ilishumi elinambini ezelwe, baya ePasikeni eJerusalem ngokwesiqhelo. 43Zakuba zigqithile iintsuku zelo theko, bagoduka, kanti uYesu usele eJerusalem. Phofu babengaqondi abazali bakhe. 44Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo. 45Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna. 46Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza. 47Bonke abamváyo babemangalisiwe yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe. 48Abazali bakhe bakumbona bathi manga, unina wathi kuye: “Mntanam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna sixhalabile.”
49Wathi kubo uYesu: “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba sendlwini kaBawo?” 50Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.
51Wahamba nabo, waya kufika eNazarete. Wayebalulamela abazali bakhe. Wazigcina unina ezo zinto entliziyweni yakhe. 52UYesu ke wakhula ngesithomo nangobulumko, ebabalwa nguThixo, ethandwa ngabantu.

Currently Selected:

ULUKA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy