YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 10

10
Ukuthunywa kwabafundi abangamashumi asixhenxe anambini
1Ke kaloku, emva kwezi zinto, iNkosi yanyula abanye abangamashumi asixhenxe anambini, yabathuma ngababini ngababini, ukuba bayandulele baye kuzo zonke iidolophu neendawo eyayiza kuya kuzo, 2isithi kubo: “Isivuno okunene sikhulu, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Mbongozeni ke ngoko uMnini-ntsimi, ukuba athumele abasebenzi, baye kuvuna. 3Hambani ke. Niyabona, ndinithuma njengamatakane phakathi kweengcuka. 4Ze ningaphathi ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazihlangu. Ze ningalityaziswa yimibuliso endleleni. 5Nakuwuphi na umzi enithe nangena kuwo, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya!’ 6Ukuba ngaba ukho apho owoxolo, intsikelelo yenu yohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, yobuyela kwakuni. 7Hlalani ke kwakuloo ndlu, nitye nisele oko nikunikwayo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuthi nihleli ndlwini ithile, nimke kuyo, niye kuhlala kwenye kwalapho. 8Edolophini ke enithe nangena kuyo, baza banamkela, kutyeni ukutya enikunikwayo, 9niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo! ’ 10Kuloo dolophu nithe nangena kuyo, baza àbanamkela, ze niphume niye ezitalatweni zayo, nithi: 11‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile! ’ 12Ngoko ke ndithi kuni, ngomhla womgwebo soba nganeno isohlwayo seSodom kunesaloo dolophu.”
Kunyembelekile kwiidolophu zabangakholwayo
(Mat 11:20-24)
13“Mawoo, wena Korazin! Mawoo, nawe Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abalapho ngebaguqukayo kwakudala, bahlala phantsi bambethe ezirhwexayo, bezigalele uthuthu. 14Ewe, ngomhla wokugwetywa soba nganeno isohlwayo seTire neseSidon kunesenu. 15Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. ”
16Wathi ke kubafundi bakhe: “Lowo univayo, uva mna; nalowo unganamkeliyo, akamkeli mna. Ke ongandamkeliyo mna, akamkeli lowo undithumileyo.”
Ukubuya kwabafundi abangamashumi asixhenxe anambini
17Babuya ke abafundi abangamashumi asixhenxe anambini, bevuya, besithi: “Nkosi, neendimoni ezi sizoyisile ngegama lakho.”
18Wathi ke kubo: “Ndibone uSathana esiwa ezulwini okombane. 19Niyabona, ndininike igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alowo ulutshaba. Ke ayikho konke into enokunenzakalisa. 20Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.”
UYesu unemihlali
(Mat 11:25-27; 13:16-17)
21Ngelo xesha uYesu wagcoba ngoMoya oyiNgcwele, wathi: “Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.
22“Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kananjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, ngaphandle koYise, kungekho waziyo ukuba ungubani na uYise, ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.”
23Ke uYesu waguqukela kubafundi bakhe, wathetha nabo ngasese, wathi: “Hayi uyolo lwâbo babona enikubonayo nina! 24Inene, baninzi *abashumayeli nookumkani ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo nina, baza àbazibona; benqwenela nokuva izinto enizivayo, baza àbaziva.”
Umzekeliso ngomSamariya olungileyo
25Ke kaloku kwafika umchazi-mthetho, walinga uYesu esithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”
26UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?”
27Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe. ’ ”
28UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.”
29Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?”
30UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa. 31Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya. 32Kwangokunjalo ke *nomLevi, akufika kuloo ndawo, uthe akumbona wacezela phaya. 33Ke umSamariya othile owayeseluhambeni wafika kuye, wathi akumbona wavelana naye, 34wasondela, wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioyile newayini. Wamkhwelisa kwidonki yakhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga. 35Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ”
Waqhuba uYesu wathi: 36“Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?”
37Umchazi-mthetho wathi: “Ngulowo waba novelwano.”
Waza uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.”
UMarta noMariya
38Kolo hambo lwabo uYesu ungene dolophaneni ithile, waza wamkelwa endlwini ngumfazi othile ogama linguMarta. 39UMarta wayenodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zeNkosi, ephulaphula amazwi ayo. 40Ke yena uMarta wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo; waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndendwa? Yitsho kuye andincedise.”
41Waphendula ke uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi, 42kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.”

Currently Selected:

ULUKA 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy