YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 4

4
Amadini okungxengxezela iziphoso
1*UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba 2makabhekise kumaSirayeli lo mlomo uthi xa kukho bani wonileyo, waphula imimiselo kaNdikhoyo engenzi ngabom, kufuneka alandele le miyalelo.
3Xa ingumbingeleli othanjisiweyo lowo wenze isono, aze ngokwenjenjalo azisele abantu ityala, yena uya kunikela ngethole lenkunzi yenkomo elingenasiphako, enze ngalo idini lokungxengxezela isono sakhe kuNdikhoyo. 4Loo nkunzi uya kuyisa ngasekungeneni *kwesibingelelo, ayibeke isandla entloko, aze ayihlabele apho phambi koNdikhoyo, 5aze ke kwayena athathe igazi layo, angene nalo esibingelelweni. 6Akuba ethe nkxu umnwe egazini, uya kutshiza ngalo kasixhenxe apho ngaphambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele, 7andule ukutyikila ngenxalenye yegazi elo iimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elilapho kwigumbi eliyingcwele, aliphalaze igazi eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elisekungeneni kwesibingelelo. 8Wothi ke athathe onke amanqatha enyama yangaphakathi yale nkunzi, 9izintso namanqatha azo, kunye nomhlehlo, 10kanye njengoko enzayo ngamanqatha edini lobudlelane. Loo manqatha uya kuwatshisa kwelaa qonga lamadini atshiswayo. 11Kodwa sona isikhumba nayo yonke inyama, intloko namanqina, nezibilini kwakunye namathumbu, oko kukuthi yonke inyama enganikelwanga kuNdikhoyo, 12uya kuyikhuphela ngaphandle kwelali, azise kulaa ndawo ikhethekileyo apho kulahlwa khona uthuthu, azitshisele apho ngomlilo weenkuni.
13Xa kone ibandla lakwaSirayeli liphela, lize ke libe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo lingaqondanga, 14kuya kuthi nje ukuba sazeke eso sono, kufuneke umzi uze nethole lenkunzi yenkomo yedini lokungxengxeza. Loo nkomo iya kuqhutyelwa esibingelelweni, 15apho ziya kuthi phambi koNdikhoyo iinkokheli zomzi ziyibeke izandla entloko, ize ihlatywe. 16Umbingeleli othanjisiweyo uya kuthatha inxenye yelo gazi, angene nalo ngaphakathi esibingelelweni, 17athi nkxu umnwe kulo, aze atshize ngalo kasixhenxe phambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele. 18Elinye igazi wolityikila kwiimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elingaphakathi kwegumbi eliyingcwele, aze aliphalaze eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elingasekungeneni kwesibingelelo. 19Uya kwandula ke asuse onke amanqatha, awatshise eqongeni apho. 20Ngale nkomo uya kwenza kanye ngalaa ndlela adla ngokwenza ngayo ngenkomo yedini lokungxengxezela izono. Yiyo ke le indlela umbingeleli enza ngayo idini lokucamagushela izono zabantu, yaye bozixolelwa. 21Andule ke ukuyikhuphela ngaphandle kwelali loo nyama, aye kuyitshisa kanye ngalaa ndlela atshisa ngayo eyokucamagushela ezakhe izono. Lilo ke elo idini lokucamagushela ibandla.
22Xa kone umntu oyinkokheli, aphule ummiselo kaNdikhoyo uThixo engaqondanga, 23kuya kuthi nje ukuba ayiqonde into ayenzileyo, kufuneke eze nenkunzi yebhokhwe engenasiphako. 24Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele phambi koNdikhoyo kuloo ndawo kwenzelwa kuyo amadini atshisayo. Eli lidini lokucamagushela isono. 25Umbingeleli wofaka umnwe egazini lebhokhwe leyo, alityikile kwiimpondo ezisezikoneni zeqonga, aze eliseleyo aliphalaze emazantsi eqonga, 26aze awatshisele apho eqongeni onke amanqatha, kanye njengoko esenza ngawamadini obudlelane. Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukunikela idini lokucamagushela umntu oyinkokheli, aze axolelwe isono sakhe.
27Xa kone umntu nje, abe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo engaqondanga, 28kuya kuthi nje ukuba asiqonde isono sakhe, kufuneke eze nemazi yebhokhwe engenasiphako, ukuze angxengxezele isono sakhe. 29Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. 30Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe egazini layo, alityikile kwiimpondo ezikwiikona zeqonga, aze elinye aliphalaze emazantsi eqonga apho, 31andule ke athathe onke amanqatha, kanye ngalaa ndlela enza ngayo kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni, abe livumba elimnandi kuNdikhoyo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe izono zakhe.
32Ukuba kukho umntu ozisa igusha ukuza kwenza idini, mayibe yimazi engenasiphako. 33Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona izinto zokwenza amadini atshiswayo. 34Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe kwelo gazi layo, alityikile kwiimpondo ezisezikoneni zeqonga, eliseleyo aliphalaze apho emazantsi eqonga, 35andule athathe onke amanqatha, kanye njengoko esenza kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni kunye nokutya okunikelwa kuNdikhoyo ngomlilo. Wenjenjalo ke umbingeleli xa esenzela umntu idini, khon' ukuze loo mntu axolelwe izono zakhe.

Currently Selected:

EYONQULO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy