YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 3

3
Amadini obudlelane
1“Xa kukho umntu onikela ngenkomo ukuba kwenziwe ngayo idini lobudlelane, loo nkomo mayibe yinkunzi okanye imazi engenasiphako. 2Loo mntu unikelayo makabeke isandla phezu kwentloko yaloo nkomo, aze ayihlabe apho esangweni *lesibingelelo *sikaNdikhoyo. Ababingeleli bomlibo ka-Aron bona bothi tshize ngegazi elo kumacala onke eqonga. 3Kweli dini lobudlelane mabenze umnikelo womlilo ngezi nyama: onke amanqatha enyama yangaphakathi, 4izintso namanqatha azo, nomhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo. 5Ababingeleli bowatshisa loo manqatha apho eqongeni ndawonye naloo minikelo itshiswayo. Lo ngumnikelo womlilo. Ivumba ledini lomlilo liyathandeka kuNdikhoyo.
6“Ukuba yigusha okanye yibhokhwe ekwenziwa ngayo idini lobudlelane, nokuba yinkunzi nokuba yimazi, mayingabi nasiphako. 7Xa iyigusha, loo mntu uyinikelayo makeze nayo phambi koNdikhoyo, 8ayibeke isandla entloko, ayinqumlele apho phambi kwesibingelelo. Ababingeleli bothi tshize ngegazi layo macala onke eqonga, 9baze ezi nyama zayo bazinikele kuNdikhoyo: amanqatha, nomsila wonke unqunyulelwe kufuphi nasekuqaleni komqolo, onke amanqatha agqume inyama yangaphakathi, 10izintso namanqatha azo, nomhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo. 11Umbingeleli wozitshisa zonke ezi nyama eqongeni, zibe lidini elinikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.
12“Xa ngaba yibhokhwe, loo mntu uyinikelayo makeze nayo phambi koNdikhoyo, 13ayibeke isandla entloko, ayinqumlele apho ngaphambi kwesibingelelo. Ababingeleli bothi tshize ngegazi layo kumacala onke eqonga, 14banikele ezi nyama zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo: amanqatha enyama yangaphakathi, 15izintso namanqatha azo, umhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo. 16Umbingeleli wozitshisa zonke ezi nyama eqongeni, zibe lidini lomlilo elivumba lithandekayo kuNdikhoyo. Onke amanqatha ngakaNdikhoyo. 17Makungabikho mSirayeli utya nqatha nagazi. Lo mmiselo mawugcinwe rhoqo ngamaSirayeli nakwizizukulwana ezizayo.”

Currently Selected:

EYONQULO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy