YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 21

21
Imimiselo malunga nababingeleli
1*UNdikhoyo wathi uMosis makayale ababingeleli bomlibo ka-Aron, athi: “Maze kungabikho mbingeleli uzingcolisa ngokusondela kwizidumbu zezizalwana, 2ngele kokuba loo mntu ubhubhileyo ngunina okanye nguyise, nokuba ngunyana wakhe okanye intombi yakhe, umntakwabo 3okanye udade wabo ongendanga ohlala naye. 4Aze angazingcolisi ngezidumbu zezalamane zakhe ngomtshato.
5“Makungabikho mbingeleli ucheba intloko, okanye aphungule iindevu, okanye avambe enze neentlanga emzimbeni, ebonakalisa ukuba uzilile. 6Yena makazahlulele uThixo wakhe, angalihlazisi igama loThixo wakhe. Nguye lo mbingeleli kaloku umenzela amadini ngomlilo uNdikhoyo; makahluke ke. 7Umbingeleli akayi kuyitshata intombi eyoniweyo, okanye ebilihenyukazi, okanye umfazi oqhawule umtshato, kuba kaloku yena wahlulelwe uThixo. 8Mhloneleni kuba engumntu owahlukileyo; kuba kaloku yena unikela amadini kuThixo wenu. Kaloku ndinguNdikhoyo, ndaye mna ndahlukile, ndibahlulela mna abantu bam. 9Xa intombi yombingeleli ithe yazingcolisa ngokuba lihenyukazi, ihlazisa uyise; kufuneka itshiswe ide ife.
10“Umbingeleli omkhulu, lowo uthanjiswe ngokugalelwa ioyile yomnquma entloko waza wamiselwa ukunxiba izivatho zobubingeleli, kufuneka angaziyeki zibe dlakadlaka iinwele zakhe, okanye akrazule izambatho zakhe ebonisa ukuzila akwenzayo. 11Makangangeni kwindawo enesidumbu, angazingcolisi, nditsho nokuba lo ungasekhoyo nguyise nokuba ngunina. 12Makangaphumi *esibingelelweni sikaThixo wakhe okanye asixabhele, kuba wahlulelwe uThixo wakhe ngokuthanjiswa ngamafutha. Ndim uNdikhoyo. 13Makatshate intombi epheleleyo, 14ingabi ngumfazi ongumhlolokazi, okanye oqhawule umtshato, okanye owayehambisana namanye amadoda. Mayibe yintombi epheleleyo yamawabo. 15Ngokwenjenjalo inzala yakhe ayikuba nazothe ebantwini bakhe. Kaloku ndinguNdikhoyo, yaye ndim ozahlulele yena ndamenza umbingeleli omkhulu.”
16Wathi uNdikhoyo uMosis 17makayalele uAron, athi: “Maze kungabikho namnye kwinzala yakho onesiphako emzimbeni oya kusondeza umnikelo kuThixo. Loo nto iya kuhlala injalo lonke ixesha. 18Makungabikho mntu unesiphako oya kusondeza iminikelo: makungabikho mfama, siqhwala, mntu ulimeleyo okanye usisilima, 19namntu wome isandla okanye unyawo, 20nokuba sisifombo, okanye unqaphele, nokuba unesifo samehlo okanye solusu, okanye etyumke ubudoda. 21Akukho mntwana ka-Aron unesiphako uya kusondeza iminikelo eyenziwe ngomlilo kum Ndikhoyo. Kaloku unesiphako; makangasondeli anikele kuThixo wakhe. 22Umntu onjalo angadla kambe kukutya okwahlulelwe mna, nditsho kanye nokuya kokona kukokwam, 23kodwa ngenxa yesiphako anaso akufuneki asondele emkhusaneni okanye aye eqongeni. Akufuneki azixabhele ezi zinto zahlulelwe mna; kaloku ndinguNdikhoyo, ndim ozahlulelele zona.”
24Nantso ke into eyaxelelwa uAron noonyana bakhe kwakunye namaSirayeli ephela nguMosis.

Currently Selected:

EYONQULO 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy