YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 1

1
Amadini atshiswayo
1*UNdikhoyo wabiza uMosis, wathetha naye *esesibingelelweni, wathi 2makathethe namaSirayeli athi: “Xa umntu esenza umnikelo kuNdikhoyo makawenze ngento efuyiweyo, nokuba yinkomo, nokuba yimpahla emfutshane. 3Xa anikela ngenkomo, esenza idini elitshiswayo, mayibe yinkunzi engenaso nasinye isiphako. Makayise esangweni lesibingelelo, khon' ukuze uNdikhoyo amamkele. 4Loo mntu ke uya kubeka isandla sakhe entloko kuloo nkomo, yaye ke iya kwamkeleka ibe lidini lokumcamagushela. 5Loo nkunzi iya kuxhelelwa apho phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli bomlibo ka-Aron balisondeze kuNdikhoyo igazi layo, babuye batshize ngalo amacala onke eqonga lamadini elisekungeneni kwesibingelelo. 6Loo mntu uya kubuya ayihlinze inkomo leyo, ayihlahle, 7baze bona ababingeleli baphembe umlilo eqongeni, babekelele iinkuni phezu kwawo. 8Baya kuthatha iinyama ezo, kunye nentloko, kwakunye namanqatha, bazibeke emlilweni apho. 9Umntu lowo yena makahlambe izibilini namanqina enkomo leyo, aze yena umbingeleli alitshise lonke elo dini phezu kweqonga. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
10“Ukuba into ekwenziwa umnikelo ngayo yigusha okanye yibhokhwe, mayibe liduna elingenasiphako. 11Leyo makayixhelele kwicala elingasentla leqonga phambi kukaNdikhoyo, baze oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi kumacala onke eqonga. 12Yakuba ihlahliwe, umbingeleli wozibeka emlilweni oseqongeni zonke ezo nyama, ndawonye nentloko kunye namanqatha. 13Umntu onikelayo yena uya kuhlamba izibilini kwakunye namanqina elo dini, aze yena umbingeleli alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
14“Ukuba yintaka ekwenziwa ngayo idini elitshiswayo, mayibe lihobe okanye ivukuthu. 15Umbingeleli wolisondeza eqongeni, aliqhawule intamo, alitshise apho eqongeni. Igazi lona uya kulophisela apho ecaleni leqonga. 16Wolikhupha indlelo, ayilahle kunye neentsiba kwicala elingasempumalanga kweqonga, apho kulahlwa khona uthuthu, 17andule ukulibamba ngamaphiko, aliqhaqhe, kodwa angalikrazuli kubini; athi emva koko alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.”

Currently Selected:

EYONQULO 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy