YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 13

13
Umhlaba osamelwe kukuthinjwa
1Mhlenikweni uYoshuwa wayeselaluphele kakhulu, *uNdikhoyo wathi kuye: “Sewumdala kakhulu ngoku, Yoshuwa, ukanti umhlaba ekusafuneka uthinjwe usemkhulu. 2-3Yiyo le imimandla esaseleyo:
ummandla wamaFilistiya (akumkani zawo zihlala eGaza naseAshdode, eAshkelon, eGati, nase-Ekron);
ummandla wamaGeshure (ekudla ngokuthiwa ngowamaKanana, usuka ngakwintlambo iShihore ngakwimida yeJiputa, kuse emantla kwimida yase-Ekron);
ummandla wama-Avi;
4ummandla wamaKanana ongasezantsi kwakunye neMeyara (engumhlaba wamaSidon), kuse eAfeka ngakwimida yama-Amori;
5elamaGebhali kunye neLebhanon iphela ukubheka ngasentshona ukususela eBhali-gadi esemzantsi wentaba iHermon, kuse kuloo nkalo yeHamati;
6-7wonke ummandla wamaSidon ahlala kweleentaba phakathi kweentaba zaseLebhanon neMisefoti-mayim.
“Bonke abemi balapho ndobakhupha apho ukufika kwamaSirayeli. Loo mhlaba uzuwabele amaSirayeli kanye ngalaa ndlela bendikuxelele yona, ube lilifa lezizwe ezilithoba kunye nesiqingatha sakwaManase. ”
Ukwabiwa komhlaba ongasempumalanga kweJordan
8Isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi kwakunye nesinye isiqingatha sakwaManase zona zaziseziwabelwe umhlaba wazo nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo. Loo mhlaba wawungasempumalanga kweJordan. 9Wawuye kuthi xhaxhe eArure ummandla wabo, phezu kwentili iAnoni, nakwisixeko esasikuloo ntili, uthathe onke loo mathafa aseMedebha ukusa eDibhon. 10Wenjenjeya ukusa kwimida yaseAmon, waquka zonke ezo zixeko zaziphantsi kwekumkani yama-Amori uSihon owayephethe eHeshbhon. 11Lo mmandla wawuquka iGiliyadi, utyhutyhe imimandla yaseGeshure naseMahaka, uthathe yonke intaba iHermon nayo yonke iBhashan ukuya kutsho eSaleka. 12Ukwalapho nomhlaba kaOgi owaba yikumkani yokugqibela kumaRafa, owayephethe iAshtaroti ne-Edreyi. Ezi ntlanga zonke zoyiswa nguMosis, wawuthimba umhlaba wazo. 13Kambe ke amaSirayeli wona akazange abagxotha abantu baseGeshure naseMahaka; basahlala kunye namaSirayeli unangoku.
14UMosis akazange ababele mhlaba abaLevi. Bona esabo isabelo, ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis, yinxaxheba bayifumana kumadini atshiswayo enzelwa uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli.
Umhlaba owabelwa uRubhen
15Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaRubhen ngokwemizi yaso ube lilifa laso: 16ummandla waso wawuye kuthi xhaxhe ngeArure phezu kwentili iAnoni, udibanise nesixeko esisembindini waloo ntili, kunye naloo mathafa ajikeleze iMedebha, 17uthathe iHeshbhon kunye nezo zixeko zikuloo mathafa: iDibhon, iBhamoti-bhali, iBhete-bhali-mehon, 18iYaza, iKedemoti, iMefati, 19iKiriyatayim, iSibhema, kunye neZereti-shahare eyayisendulini kuloo ntili, 20iBhete-pehore, amathambeka aloo ntaba iPisga, kunye neBhete-yeshimoti. 21Wawucanda kwezo dolophu zikuloo mathafa, uwuthathe wonke umhlaba wekumkani yama-Amori uSihon, owayephethe eHeshbhon. UMosis wayoyisa le kumkani ndawonye nezilawuli zaseMidiyan: uEvi, uRekem, uZure, noYuri, kunye noRebha. La madoda ayezizibonda ezaziphantsi kokumkani uSihon. 22Phakathi kwabantu ababulawa ngamaSirayeli kwafa noBhalam unyana kaBhehore owayengusiyazi. 23Umlambo iJordan yayingumda wangasentshonalanga wesizwe sakwaRubhen. Zizo ke ezo izixeko needolophu ezabelwa imizi yesizwe sakwaRubhen zaba lilifa lazo.
Ummandla owabelwa uGadi
24Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaGadi ngokwemizi yaso ube lilifa laso: 25ummandla waso uthathela eJazere udibanise zonke izixeko zaseGiliyadi, udibanise nesiqingatha sommandla wama-Amon, kuye kuthi xhaxhe ngeArure ekhangelene neRabha. 26Wawusuka eHeshbhon use eRamati-mizepe naseBhetonim, usuke eMahanayim use kwimida yeDebhiri. 27Kwintili yeJordan wawuthatha iBhete-haram, iBhete-nimra, iSukoti, kunye neZafon, nawo wonke ummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon. Umda wabo ngasentshona yayingumlambo iJordan kuse emantla kuLwandle lwaseGalili. 28Ezi zixeko needolophu zaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaGadi.
Ummandla owabelwa uManase
29Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isiqingatha sesizwe sakwaManase ngokwemizi yaso ube lilifa laso: 30ummandla waso waya kuthi xhaxhe ngeMahanayim, wadibanisa neBhashan – wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan, kunye nazo zonke ezo lali zimashumi mathandathu zaseJayire eBhashan. 31Uthatha isiqingatha seGiliyadi, udibanise iAshtaroti ne-Edreyi, iidolophu ezazingamaziko olawulo zelizwe likakumkani uOgi waseBhashan. Wonke lo mmandla wabelwa isiqingatha semizi eyinzala kaMakire unyana kaManase.
32Wenjenjalo ke uMosis ukwaba umhlaba ongasempumalanga kweJeriko neJordan kuloo mathafa akwaMowabi. 33Kodwa ke uMosis akazange ababele mhlaba bona abaLevi. Elabo ilifa nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli ngokwesithembiso sakhe.

Currently Selected:

UYOSHUWA 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy