YouVersion Logo
Search Icon

UJONA 4

4
Ukucaphuka kukaJona nenceba kaThixo
1Ke kaloku esi sehlo samkhathaza uJona, wacaphuka gqitha. 2Wathandaza *kuNdikhoyo esithi: “Kwowu, Ndikhoyo, le nto yileya ndayithethayo kwandisesekhaya. Kwakungenxa yayo ndakhawulezayo ukubalekela eTashishe. Bendisazi ukuba wena unguThixo onesisa nenceba, uThixo oza kade umsindo nonobubele obukhulu, uThixo oyijikayo ingqondo yakhe asiyeke isohlwayo. 3Ngoko ke ndiyakubongoza, Ndikhoyo, buthathe ubomi bam, kuba kum ukufa kungcono kunokudla ubomi.”
4UNdikhoyo waphendula wathi: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe?”
5Ke kaloku uJona waphuma waya empuma yeso sixeko, waza ke wahlala phantsi. Wazakhela iphempe, waza wahlala emthunzini walo ukuze ayibukele kakuhle loo nto yayiza kwehla apho eNiniva. 6Ke uNdikhoyo uThixo wamisela umthi ukuba ukhule apho ecaleni kwakhe ukuze umenzele umthunzi, ukhusele intloko yakhe, iyenze ibe bhetele imeko yakhe. Ke uJona wawuvuyela gqitha loo mthi. 7Kambe ke ekuseni ngengomso uThixo wawuthumela ngombungu loo mthi, wawugrenya watsho wabuna. 8Lithe ke lakuphuma ilanga uThixo wathumela umoya wasempuma onolophu, laza lanqanqaza ilanga phezu kwentloko kaJona. Kwanzima kuye; phantse wayoba. Watsho wanqwenela ukufa, wathi: “Kungcono ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.”
9Ke kaloku uThixo wathi kuye: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe ngenxa yalo mthi?”
UJona wathi: “Ndifanele ukuvutha ngumsindo, nditsho onokude undise ekufeni!”
10UNdikhoyo wathi kuye: “Lo mthi uwukhathalele ngani, ungakhange ubulaleke nje ngawo, futhi ungakhuliswanga nanguwe? Lo mthi ukhule ngobusuku, wabuya wafa kwangobusuku. 11Ke, uthi kukangakanani kum mayela nesi sixekokazi siyiNiniva? Uthi mandingavelani naso ngoku sinabantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi amabini lamawaka, abangekawazi umahluko phakathi kwesandla sasekunene nesasekhohlo, kwakunye ke nemfuyo eninzi?”

Currently Selected:

UJONA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy