YouVersion Logo
Search Icon

UJONA 3

3
UJona uya eNiniva
1Liphinde lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJona, lisithi: 2“Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, ufike ushumayele olu daba ndikunike lona.”
3Ke uJona walithobela ilizwi likaNdikhoyo, waya eNiniva. INiniva le ibisisixeko esikhulu gqitha. Bekumthatha umntu iintsuku ezintathu ukuphumela kuyo. 4Ke kaloku uJona waluqala uhambo lwakhe kweso sixeko. Akuba ehambe imini yonke wadanduluka wathi: “Yoba ziintsuku ezimashumi mane kuphela, itshatyalaliswe iNiniva.” 5Abo bantu baseNiniva balwamkela olo daba lukaThixo. Ngoko ke bamisela inzila, baza bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinane, bavatha ezenzila.
6Akuyiva le nto ukumkani wakhona waphuma ebhotwe, umnweba wakhe wawuthi tya phaya, wanxiba ezenzila, wahlala eluthuthwini. 7Waza ke wakhupha isaziso esithi: “Nasi isaziso esigunyaziswe ngukumkani namaphakathi: Makuzilwe, kungabikho mntu okanye silwanyana ongcamla nantoni na, nditsho iinkomo nempahla emfutshane. Ewe, makungatyiwa nto, kungàselwa namanzi. 8Abantu nemfuyo mabavathe ezenzila. Bonke mabakhale kuThixo ngamandla, bahlukane neendlela zabo ezimbi nogonyamelo lwabo. 9Mhlawumbi uThixo angayijika ingqondo yakhe, abuye nganeno ngengqumbo yakhe, size ke thina singatshabalali.”
10Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.

Currently Selected:

UJONA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy