YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 7

7
UYobi: Uyintoni na umntu?
1“Ke bona ubomi bomntu yimbulaleko emhlabeni;
imihla yakhe ngumzabalazo onjengobomi bomqeshwa.
2Imihla yakhe injengeyekhoboka elisoloko lilangazelela ukuhlwa;
injengeyomqeshwa olangazelela umvuzo wakhe.
3Ewe, esam isabelo ziinyanga ngeenyanga zokulambatha;
mna ndabelwe ubusuku beenzingo.
4Xa ndilalayo ndithi: ‘Yaz'ba kuya kusa nini na?’
Nobo busuku ke busuka bube bude gqitha,
ke mna ndibe ndimbola-mboleka kude kuse.
5Umzimba wam wambethe iimpethu nothuli;
ulusu lona lucandekile, luyabhidla.
6“Imihla yam ikhawuleza okomatshini wokuluka;
iya kufikelela esiphelweni ingaginyisi mathe.
7Khawukhumbule ke, kuba ubomi bam bunjengomphunga;
amehlo am akasoze aphinde akubone okuhle.
8Nâbo bandibonayo ngoku soze babe sandibona;
ndiya kuphel' emehlweni undijongile.
9Njengokuqhabalakana nokunyamalala kwamafu
unjalo ofayo, akaphindi abuye.
10Akaphindi eze ekhayeni lakhe,
angabi sazana nendawo yakhe.
11“Hayi khona, andiyi kuthi cwaka!
Ndiya kuwuphalaza umva-ndedwa wam, ndikhale ndibindekile!
12Ngani ke ukuba ude undimisele umlindi?
Ngaba ndilulwandle, okanye isilo solwandle?
13Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,
ndithi ubuthongo bondithomalalisa.
14Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;
usuka undivingcele ngemibono.
15Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;
kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.
16Ewe kambe, ndidikiwe bobu bomi;
kakade andiyi kuphila ngonaphakade.
Hayi ndiyekeni, kuba ubomi bam bunjengomphunga.
17“Yaz'ba uyintoni na umntu, le nto umxabise kangaka;
ngani ukuba umzondelele kangaka?
18Ewe, yonke imihla uyamphicotha;
ngayo yonke imizuzu uyamvavanya.
19Hayi kaloku, khawuthi gu kancinci;
khawundiyeke ndikhe ndiginy' amathe!
20Ke ukuba ndiyona, ikukhathaza ngani loo nto, wena Malusi woluntu?
Ngani ukuba ndibe selisweni lakho kangaka?
Ngaba ndingumthwalo ongako kuwe?
21Ngaba awungendixoleli na isono sam,
ubulibale ubutyala bam?
Kuba ke ngoku ndiza kulala kobandayo;
uthi undifuna ndibe ndingasekho!”

Currently Selected:

UYOBI 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy