YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 6

6
UYobi: Ngokwam andinawo amancedo
1Ke yena uYobi waphendula wathi:
2“Akwaba iinkxwaleko zam beziveyishwe kakuhle,
iinzingo zam zalinganiswa esikalini.
3Ubunzima bazo bebuya kudlula nakobentlabathi yaselwandle;
ewe, yiyo loo nto amazwi am asuke aba rhabaxa.
4Kaloku iintolo zikaSomandla zindibinzile,
ubuhlungu bazo butyhutyh' umzimba;
izoyikiso zikaThixo zindiphahlile.
5Ngaba likhe likhonye na iqwarha ikho ingca eluhlaza?
Khona, yona inkomo uthi inganxakama zikho iindiza?
6Into emtyuba ingatyiwa na ngaphandle kwetyuwa?
Inayo na incasa incindi yomxoxozi?
7Mna ukutya okunjalo andikuchukumisi;
ndingathi khe ndayenza loo nto kubuye.
8Akwaba uThixo angandiphendula,
awufezekise umnqweno wam
9wokuba uThixo avume ukundixusha,
asiyekele isandla sakhe, abunqamle ubomi bam.
10Into enjalo ke ingandithuthuzela;
ewe, naphakathi kweentlungu ndingavuya ndichulumache,
kuba andizange ndaphikisana namazwi alowo uNgcwele.
11“Ngaba ndisenawo na amandla okuqhubela phambili ndiphila?
Khona, siphelo sini sona eso ukuba ndingade ndinyamezele?
12Bendililitye na kakade?
Ngaba ndisisinyithi?
13Ngenene mna ngokwam andisenawo amandla okuzinceda,
futhi nempumelelo yam ndiphuncukene nayo.
14“Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.
15Kambe amawethu anobuqhokolo,
afana nentlambo emanzi atshayo.
16Iba namanzi amdaka anomkhenkce,
apho linyibilikela khona ikhephu,
17kodwa lithi lakubalela aphele,
lakuba shushu asuke ome qoko!
18Iinqwelo ziyaphambuka endleleni yazo, ziye kuyo,
kodwa zifike zife namthanyana kuba kusenkangala.
19Iinqwelo zaseTema zikhangela amanzi,
nabahambi baseShebha baphunguza benethemba.
20Kambe ke basuka badane ngenxa yelo themba labo,
kuba bathi bakuya kule ntlambo bafike baphoxeke.
21“Ngoku ke nani ninjalo,
kuba nithe nakusibona isibetho endisifumeneyo
nasuka nathi rhubaxa noyika.
22Ngaba ndikhe ndathi kuni: ‘Ndipheni into,’
okanye ndathi: ‘Khanindinyobele ubani ngaloo ndyebo yenu’?
23Ngaba ndikhe ndathi: ‘Ndihlanguleni esandleni sotshaba,’
okanye ndathi: ‘Ndihlawuleleni koongalo-nkulu’?
24Hayi ke, khanindifundise; ndothi cwaka!
Ewe, ndiboniseni apho ndiphambuke khona!
25Kambe ke wona amazwi athe ngqo aluncedo;
ukanti ke ezi ngxoxo zenu ngaba ziphuhlisa ntoni?
26Ngaba nifuna ukulungisa oko ndikuthethileyo,
amazwi omntu oselencamile niwenze intetho engumoya?
27Nina nixolele ukwenza amaqashiso nangenkedama,
nisenge inzuzo nangesona sihlobo senu.
28“Kambe ke ngoku khanindijongisise,
kuba andisoze ndinixokise ndijongene nani.
29Ngoku ndiyanithandaza, khanibuyeke ubugqwetha;
sanukundisingela phantsi – ndililungisa kule nto.
30Ngaba nithi kunesikhwa na ukuthetha kwam?
Nithi andisakwazi ukwahlukanisa phakathi kokubi nokuhle?”

Currently Selected:

UYOBI 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy