YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 3

3
UYobi uqalekisa umhla awazalwa ngawo
1Emva koko ke uYobi wathetha wawuqalekisa umhla awazalwa ngawo. 2Ewe, uYobi uvakele esithi:
3“Ngamana zange wathwasa umhla endazalwa ngawo;
nditsho nobo busuku apho kwathiwa: ‘Namhlanje kukhawulwe indoda!’
4Akwaba loo mini yayingumnyam' ombonde-mbonde;
mini leyo noThixo kweliphezulu angayihoyanga;
mini ingazange yabonana nokukhanya!
5Ngeyambathiswe sisiphitha-nyongo sobumnyama;
ngeyisityekelwe ziingqimba zamafu.
Loo mini ngeyirhwaqeliswe sisithokothoko sobumnyama;
6nobo busuku ngebambathiswe sisithokothoko,
suka àbabalelwa kwimihla yonyaka,
àbakhankanywa phakathi kweentsuku zeenyanga.
7Ewe, akwaba obo busuku babuludlolo;
akwaba kwakungavakalanga kumemelela kubo.
8Iinkintsela zokuqalekisa imihla ngeziyiqalekisile loo mini;
ngeziyifunze ngengwenya.
9Iinkwenkwezi zangorhatya ngezimnyama;
loo mini ngeyilindele ukusa kodwa kungaze kufike,
nomsobomvu ungaze uthi chapha!
10Kaloku ayizivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,
ayandiphephisa kule nkxwaleko ndikuyo.
11“Kwakungani ndingafi ndingekazalwa nje,
okanye ndife ndisazalwa?
12Ngani ukuba uma andisingathe emadolweni?
Khona, kwakutheni ukuba andincancise ibele?
13Kuba xa bekungenjalo, ngendalala ndazola;
ewe, ngendiphumle kobandayo,
14ndawonye nezikumkani namaphakathi,
lawo awavusayo amanxuwa;
15ngoku ngendikunye namatshawe,
azindlu zazizele yigolide nesiliva.
16Ngani ukuba ndingafihlwanga njengomphunzo,
njengemveku engalibonanga ilanga?
17Kaloku apho nezikhohlakali azikhathazi mntu,
nabadiniweyo baxhamla ukuphumla.
18Khona amabanjwa azonwabele;
ahlukene nokungxoliswa yinduna yawo.
19Apho bandawonye abaphakamileyo nabaphantsi,
nkqu nekhoboka likhululekile kumninilo.
20“Ngani ukuba abaza kubandezeleka balibone ilanga,
abangcungcuthekayo babudle ubomi?
21Bona balangazelela ukufa, kungafiki noko;
bakuzingela ngathi bafuna ubutyebi.
22Abavuyi bayachulumacha,
bachwayitile xa bedibana nengcwaba.
23Ngani ukuba balibone ilanga abandlela imfiliba,
abo babiyelweyo nguThixo?
24Kuba ukutya kwam yincwina;
ukugcuma kumpompoza njengamanzi.
25Kuba ndihlelwa zezo zinto zindinkwantyisayo;
ezindinxunguphalisayo zezona zindihlelayo.
26Andinako ukuzola, ndingenako nokonwaba;
Andifumani kuphumla, kuba ndasoloko ndijijitheka.”

Currently Selected:

UYOBI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy