YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 23

23
UYobi: Oko uThixo afuna ukukwenza uyakwenza
1UYobi uphendule wenjenje:
2“Nanamhlanje ndisamkhalazela ndikrakra uThixo,
kuba undiphethe gadalala nakuba sendincwina kangaka nje!
3Akwaba bendimazi apho akhoyo,
ndiyazi nendlela eya apho ahlala khona.
4Bendiya kusibeka isikhalo sam phambi kwakhe,
ndixoxe ndizithethelele.
5Bendiya kukhe ndimve ukuba uthini na;
ndive ukuba uthetha ntoni na.
6Ngaba angasunduzana nam ngaloo mandla akhe?
Hayi, uThixo ngeke akwenze oko.
7Kaloku enkundleni yakhe amalungisa aphuma phambili.
Ke ngoko uMgwebi wam ebeya kundigwebela kuphele.
8“Ndikhangele ndamfuna empumalanga, kodwa andimfumani;
ukanti nasentshonalanga andimbhaqanga.
9Nokuba usebenza kwelasentla andimboni;
xa ebuyela kwelasezantsi usithele emehlweni am.
10Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;
ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
11Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;
indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.
12Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;
andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.
13Xa enze isigqibo ngubani ongamjikayo?
Oko afuna ukukwenza uyakwenza.
14Ngoko ke uya kukufezekisa konke oko andimisele kona,
nditsho nokuba yintoni na ayicebileyo ngam.
15Ngoko ke ndisuka ndirhwaqele phambi kwakhe;
ewe, ndithi ndakucinga ngaye ndinkwantye.
16NguThixo lo unditsho ndoyika kangaka!
Ewe, nguSomandla lo undirhwaqelisayo.
17Phofu bona ubumnyama abundivalanga umlomo,
nditsho esi sithokothoko sigqume ubuso bam.”

Currently Selected:

UYOBI 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy