YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 22

22
UElifazi: Ubugwenxa bakho abunasiphelo
1Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje:
2“Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo?
Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko?
3Uthi ngaba uSomandla unolutho aluzuzayo ukuba wena ulilungisa?
Khona sekusithiwa awunabala, imnceda ntoni loo nto?
4“Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela,
aze akumise enkundleni?
5Akungebi ngokuba wone gqitha,
nobugwenxa bakho bungenasiphelo?
6Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;
ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.
7Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,
nabalambileyo ubavimbile ukutya.
8Wena ubusisinhanha esinemihlaba;
ubungummi obekekileyo.
9Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,
koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!
10Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;
uminxwe naliphaphu.
11Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;
ugutyungelwe naziimpuphuma.
12“Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?
Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.
13Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo?
Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’
14Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu;
kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’
15Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo,
ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?
16Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo;
izikhukula zemka neziseko zabo.
17Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi.
Angasenza ntoni na uSomandla?’
18Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.
Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.
19“Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye;
abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:
20‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,
nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’
21“Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye;
kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.
22Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe,
uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.
23Ewe, ukuba uyabuyela kuSomandla uya kwakheka;
nto nje wena lahla la manyondololo aqhubeka kulo mzi wakho.
24Igolide yakho yilahle,
neyona yodidi yaseOfire yithathe njengamatye nje aphaya entlanjeni.
25Kuphela igolide yakho mayibe nguSomandla,
neengqumba zesiliva yakho mayibe kwanguye.
26Wakuba wenjenjalo ke uya kukholosa ngoThixo uSomandla,
ubujongise kuye ubuso bakho.
27Uya kuthandaza kuye eve;
ngokunjalo ke nezibhambathiso zakho uzifezekise.
28Izigqibo zakho ziya kuphumelela,
ngokunjalo nendlela yakho ibe mhlophe.
29Xa abantu bekhahlelwe phantsi uze uthi: ‘Nceda ubaphakamise.’
UThixo uya kubahlangula abazithobileyo;
30ewe, ude ahlangule nongekho msulwa,
emsindisa ngobunyulu bezandla zakho.”

Currently Selected:

UYOBI 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy