YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 2

2
UYobi uyavavanywa kwakhona
1Kwakhona kwathi kwakufika usuku lokuba izidwangube zakwaThixo zihlanganisane phambi *koNdikhoyo noSathana wabakho phakathi kwazo ukuze avele phambi koNdikhoyo. 2UNdikhoyo wathi kuSathana: “Uvela phi wena?”
Ke yena uSathana wamphendula uNdikhoyo wathi: “Ndivela ekubhaduleni, ndisihla ndinyuka, ndijikeleza ehlabathini.”
3UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi. Nangoku usabambelele ekuthembekeni kwakhe, nangona wena undixhokonxele ekubeni ndimonakalisele ngaphandle kwesizathu.”
4USathana ke wamphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi kaloku, isikhumba ngesikhumba! Umntu angancama yonke into anayo ngenxa yobomi bakhe. 5Nangoku ungathi ukhe wolula isandla sakho wamchukumisa enyameni nasemathanjeni akhe, angakushwabulela nawe lo.”
6UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, nanko ndimnikela esandleni sakho; nto nje uze ungabuchukumisi ubomi bakhe.”
7USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo, wafika wabetha uYobi ngamathumba oyikekayo athi tshitshilili ukuqalela elunyaweni ukuya kutsho entloko. 8Ke kaloku uYobi wahlala eluthuthwini, wathatha iceba lembiza, wazonwaya ngalo.
9Inkosikazi yakhe yathi kuye: “Nangoku usabambelele kule ntembeko yakho? Mqalekise lo Thixo, ufe kube kanye!”
10Ke yena wamphendula wathi: “Ukuthetha kwakho nqwa nokomfazi ongaqiqiyo! Kakade, uthi masiyolelwe zizinto ezintle zodwa esiziphiwa nguThixo, singazamkeli ezimbi?”
Kuyo yonke le ntlekele uYobi zange one ngomlomo wakhe.
UYobi uhanjelwa zizihlobo
11Ke uYobi wayenezihlobo ezithathu ezathi zeva ngayo yonke le nkxwaleko emhleleyo. Yaseso isihlobo ke seza sivela kowaso umzi, inguElifazi waseTeman, uBhildadi waseShuwa, noZofare waseNama. Zazivumelene ngento yokuba ziye kumkhuza uYobi, zimthuthuzele. 12Ke kaloku zathi zisemgama zambona uYobi, phofu ke azamazi. Kambe ke zathi zakumqonda zangqukruleka zalila, zakrazula iminweba yazo, zizigalela ngothuli entloko, ziphosa uthuli emoyeni. 13Ke kaloku zahlala naye apho phantsi iintsuku ezisixhenxe nobusuku bazo kungekho nasinye sithetha naye, kuba zazibona ukuba umva-ndedwa wakhe mkhulu gqitha.

Currently Selected:

UYOBI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy