YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 17

17
UYobi: Akukho themba kwelabafileyo
1“Umoya wam wonakele, nemihla yam iphelile;
ngoku sending'ong'ozelwe lingcwaba.
2Inene, ngapha nangapha ndiphahlwe ngabandigculelayo;
ewe, ndijongene nentiyo yabo.
3“Nceda, Thixo, undibekele isibambiso.
Kakade ke ibingubani omnye ongandikhuselayo?
4Kaloku iingqiqo zabo uzithe lwale ngokungaqondi;
ngoko ke mabangandoyisi.
5Kaloku umntu ongcothoza izihlobo zakhe ngenxa yenzuzo,
abantwana bakhe baya kufa amehlo.
6“Undenze ndaba ngundaba-mlonyeni kubantu bonke,
into etshicelwa ebusweni.
7Ngenxa yeenzingo amehlo am selede anorhatyazo;
sendide ndayingcadalala ephephukayo.
8Abo banyanisekileyo ke bamangalisiwe;
ewe, abamsulwa bayakhathazeka ngenxa yabachasene noThixo.
9Olilungisa ubambelele nkqi endleleni yakhe,
ngokunjalo ke nabo bazandla zimsulwa baya besomelela ngokomelela.
10“Kambe ke, noba niyaphinda nibuye xa ninonke,
andiyi kufumana nasinye isilumko apho phakathi kwenu.
11Imihla yam iphelile, namacebo am achithakele,
ngokunjalo neminqweno yam ivuthulukile.
12Ubusuku bathi yimini;
kanti xa kuhlwayo bathi sekuza kusa.
13Uthi ke, xa ndingasuka ndithi elabafileyo likhaya lam,
ndize ndizandlalele kwamnyama-ndawo,
14okanye ke, xa ndinokuthi ingcwaba ngubawo,
ndize ndithi iimpethu ngumama nodade wethu:
15liphi ke ithemba lam,
ingubani khona onokundibonelela?
16Ngaba bendinokuhla nalo na ndiye emasangweni elabafileyo?
Bendinokuhla nalo na, ndiye kuphumla nalo eluthulini?”

Currently Selected:

UYOBI 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy