YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 14

14
UYobi: Mifutshane imihla yomntu, izele ziinkathazo
1“Hayi kambe umntu, intw' ezelwe ngumfazi!
Mifutshane imihla yakhe; izele ziinkathazo.
2Uvela njengentyatyambo, akhawuleze abune;
uthi tshe oku kwesithunzi, aphel' emehlweni.
3Uthi onjalo ke ungamgqala,
ude ume naye enkundleni umgwebe?
4Ngaba ukhona na ongakhupha into ehlambulukileyo kwengahlambulukanga?
Unotshe, akukho namnye!
5Kaloku imihla yakhe seyimisiwe,
nenani leenyanga zakhe liyaziwa nguwe;
kananjalo ke ummisele umda angenakuwutsiba.
6Somyeka, ungabi samjonga,
akhe aphumle njengomqeshwa ogqibe umsebenzi wemini.
7“Umthi xa ugawuliwe lisekhona ithemba ngawo;
awunakufa kuphele, usenokubuya uhlume amagqabi.
8Noba ingakhula ibe ndala ingcambu yawo emhlabeni
nesiphunzi sawo sife apho simile khona,
9uthi nje ukuba ukhe wasezela ukunyepha kwamanzi,
utsho uhlume, uvelise amasebe njengegatyana lomthi.
10Ukanti ke yena umntu uyafa, iphel' intw' ibithethwa.
Ewe, uyafa aphel' emehlweni.
11Njengokuba amanzi echibi ephela, namanzi omlambo esitsha ome;
12nomntu ke unjalo, ulala phantsi angabuyi avuke.
Ibe ke soze aphinde avuke,
okanye ashukunyiswe kobo buthongo bakhe,
ade amazulu angabi sabikho.
13“Akwaba ubungandifihla kwelo labafileyo
ide ithothe ingqumbo yakho,
uze ke undimisele ixesha oya kundikhumbula ngalo.
14Ukuba ngaba ke umntu ufile, angabuya aphile?
Xa kunjalo ngendilinda yonke imihla yokubulaleka kwam,
lide lifike ixesha lokukhululeka kwam.
15Ngewundibiza, ndisabele ke mna,
kuba wena ukulangazelela ukubona umsebenzi wezandla zakho.
16Ngewuzibala izinyathelo zam,
ungaziqwalaseli noko iziphoso zam.
17Zonke izikreqo zam ziya kuvalelwa engxoweni,
ubugqume ubugwenxa bam.
18-19Kodwa wena uyalitshitshisa ithemba lomntu,
oku kweentaba ezidilikayo zivuthuluke,
oku kwamawa asunduziweyo angabi sabakho,
nditsho oku kwamanzi awadlayo amatye,
okwezandyondyo zemvula eziwukhukulisayo umhlaba.
20Umntu umvikiva kube kanye, angabi sabikho;
uguqula ubuso bakhe, umgxothe.
21Oonyana bakhe noba sebewongekile, akaqondi yena;
ukanti akaboni naxa sebehlazeka.
22Kaloku into emdlayo yintlungu yesiqu sakhe,
abe ezililela yena buqu.”

Currently Selected:

UYOBI 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy