YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 6

6
UYesu wandisa ukutya
(Mat 14:13-21; Marko 6:30-44; Luka 9:10-17)
1Kwathi emva koko uYesu waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, olo lukwabizwa ngokuba luLwandle lwaseTibheriya. 2Wayelandelwe sisihlwele esikhulu, kuba abantu babeyibonile imiqondiso awayenzayo ngokuphilisa abagulayo. 3UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe. 4Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika. 5Kwathi uYesu akukhangela, wabona isihlwele esikhulu sisiza kuye, waza wathi kuFilipu: “Ngaba sinokusithenga phi na isonka esaneleyo sokutyisa le ndimbane?” 6Esitsho nje, wayevavanya uFilipu, kuba yena wayekwazi oko aza kukwenza.
7Waphendula uFilipu, wathi: “Ngathi nesonka samakhulu amabini eerandi asingekhe sanele okokuba wonke okhoyo afumane iqhekezana.”
8Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye: 9“Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?”
10Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu. 11Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela. 12Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.” 13Bawaqokelela ke amaqhekeza aseleyo ezo zonka zihlanu zerhasi, kwazala iingobozi ezilishumi elinambini.
14Bakuwubona abantu lo mqondiso uYesu awenzileyo, bathi: “Ngenene, kuthe kanti nguye lo *umshumayeli obekade elindelwe!” 15Waqonda uYesu okokuba bazimisele ukuza kumthatha bamenze ukumkani, waza wemka, waya entabeni eyedwa.
UYesu uhamba phezu kwamanzi
(Mat 14:22-33; Marko 6:45-52)
16Kwathi kwakuhlwa abafundi bakaYesu behla baya elwandle, 17bakhwela isikhitshana, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum. Nangona kwakusebusuku uYesu wayengekho kubo. 18Amanzi olwandle ayesilwa, kuba kwakuvuthuza umoya. 19Kwathi, bakuba begqibe iikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu bebheqa isikhitshana, babona nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle, esondela. Boyika ke, 20kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.” 21Bamamkela ke esikhitshaneni, kwathi kwangoko isikhitshana safika kuloo ndawo babesiya kuyo.
UYesu usisonka sobomi
22Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa. 23Kodwa ezinye izikhitshana, ezazivela eTibheriya, zafika ngakuloo ndawo isihlwele sasityela kuyo isonka emva kokuba iNkosi yayibulele. 24Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum.
25Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?”
26Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. 27Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.”
28Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?”
29Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”
30Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo? 31Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’ ”
32Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini. 33Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.”
34Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.”
35Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.
36“Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa. 37Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli, 38kuba ndehla ezulwini ndingezanga kwenza eyam intando, koko ndize kwenza intando yalowo wandithumayo. 39Intando yalowo wandithumayo kukuthi kungalahleki namnye kwabo andinika bona, koko ndibavuse ekufeni bonke ngomhla wokugqibela. 40Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.”
41Aza amaJuda ambombozela, kuba uYesu ethe nguye isonka esehla sivela ezulwini, 42athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?”
43Waphendula uYesu wathi: “Sanukundikrokrela. 44Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. 45*Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum. 46Xa nditshoyo ke andithethi ukuthi kukho bani wakha wambona uBawo. Akukho namnye wakha wambona uBawo, ngaphandle kwalowo uvela kuThixo.
47“Ndithi kuni, inene, lowo ukholwayo unabo ubomi obungapheliyo. 48Ndim isonka sobomi. 49Ooyihlo batya *imana entlango, kodwa bafa. 50Ke sona isonka esihla ezulwini, seso athi ubani akusitya, angafi. 51Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.”
52AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?”
53Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi. 54Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. 55Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo. 56Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye. 57UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam. 58Siso ke eso isonka esehla sivela ezulwini; sibe singafani nesiya ooyihlo bâsityayo, baza bafa noko. Osityayo esi sonka wodla ubomi ngonaphakade.”
Amazwi obomi obungenasiphelo
59Ezi zinto uYesu wazithetha xa wayefundisa eKapernahum *endlwini yesikhungo. 60Bathi bakuziva, abaninzi kubafundi bakhe bathi: “Iyaxakanisa le ntetho. Ngubani onokuyinyamezela le nto?”
61UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe bayakrokra, waza wathi kubo: “Iyanikhubekisa le ndawo? 62Ngaba nothini na nakumbona *uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona? 63NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi. 64Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha. 65Waza ke wathi: “Kungoko nditshilo kuni ukuthi akukho namnye unokuza kum engakunikwanga nguBawo ukwenjenjalo.”
66Ukususela ngoko into eninzi yabafundi bakaYesu yarhoxa, ayaba sahamba naye. 67Wathi ke uYesu kwabo bafundi bakhe balishumi elinambini: “Nithini na nina? Ngaba nani nifuna ukumka?”
68Waza waphendula uSimon Petros wathi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi angawobomi obungapheliyo? 69Thina siyakholwa sisazi okokuba nguwe onguYedwa kaThixo.”
70Wabaphendula uYesu wathi: “Beninganyulwanga ndim na, nina balishumi elinambini? Kanti omnye kuni aba ungumtyholi.” 71Wayethetha uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, kuba nangona wayengomnye wabafundi abalishumi elinambini, wayeza kungcatsha uYesu.

Currently Selected:

UYOHANE 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy