YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 18

18
Ukubanjwa kukaYesu
(Mat 26:47-56; Marko 14:43-50; Luka 22:47-53)
1Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe. 2UJudas, umngcatshi wakhe, naye wayeyazi loo ndawo, kuba uYesu nabafundi bakhe babedla ngokuhlangana kuyo. 3Ke ngoko uJudas waya kuloo ndawo, ehamba neqela lamajoni nabagadi bendlu kaThixo, bephethe izibane, nezikhuni ezivuthayo, nezikhali, bethunywe ngababingeleli abaziintloko nabaFarasi. 4UYesu ekwazi konke okwakuza kumhlela, wabakhawulela, wathi: “Nifuna bani?”
5Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.”
Wathi ke kubo: “Ndinguye.”
UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo. 6Akuba uYesu ethe: “Ndinguye,” babuya umva, bawa phantsi. 7Wababuza kwakhona uYesu esithi: “Nifuna bani?”
Bona bathi: “UYesu waseNazarete.”
8Wathi uYesu: “Nditshilo ukuba ndinguye. Ke ukuba nifuna mna, bayekeni bazihambele aba.” 9Esitsho nje wayesenzela ukuba lizaliseke ilizwi awalithethayo kuYise esithi: “Bawo, akudukanga namnye kwabo wandinika bona.”
10Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko. 11Wathi ke uYesu kuPetros: “Faka ikrele lakho esingxotyeni salo. Le ntlungu ndiyibekelwe nguBawo. Ndiya kuthini ke ukungayamkeli!”
UYesu phambi koAnas
12Ke ngoko elo qela lamajoni, linomphathi walo, kwakunye nabagadi *bendlu kaThixo ababethunywe ngamaJuda, bambamba uYesu, bambopha izandla. 13Kuqala bamsa kuAnas, kuba wayenguyise womka-Kayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka. 14Ngulo Kayafa ke lo owacebisa amaJuda ngelithi kulungile ukuba umntu omnye afele abantu bonke.
UPetros ukhanyela uYesu
(Mat 26:69-70; Marko 14:66-68; Luka 22:55-57)
15UYesu walandelwa nguSimon Petros kwanomnye umfundi. Lo mfundi ke walandela uYesu wangena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, kuba wayeqhelene nomninimzi lowo. 16UPetros yena wasala ngaphandle kwesango. Waphuma ke lo mfundi wayeqheliwe apho, wathi ethethe nesicakazana esigcina isango, wamngenisa uPetros. 17Sathi ke kuPetros isicakazana eso: “Akunguye na umfundi walo mntu?”
Wathi uPetros: “Hayi; andinguye.”
18Kwakubanda; ke ngoko izicaka nabagadi *bendlu kaThixo babebase imbawula, beyingqongile, besotha. UPetros waya wema kunye nabo, wotha.
UYesu phambi kombingeleli omkhulu
(Mat 26:59-66; Marko 14:55-64; Luka 22:66-71)
19Umbingeleli omkhulu wabuza uYesu ngabafundi bakhe nangeemfundiso zakhe. 20Waphendula uYesu wathi: “Ndithethe phandle ehlabathini. Bendihlala ndifundisa ezindlwini zesikhungo nasendlwini kaThixo apho kuhlangana khona onke amaJuda. Akukho nto ndiyithethe emfihlakalweni. 21Usandibuza ntoni ke? Buza kwabo bantu bandivileyo. Bayazazi izinto endazithethayo.”
22Akugqibanje ukutsho, omnye wabagadi bendlu kaThixo owayekufuphi naye, wambetha ngempama, esithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli omkhulu le?”
23Wamphendula uYesu wathi: “Ukuba ndithethe ngendlela engeyiyo, cacisa ke. Kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethela ntoni?”
24UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
UPetros ukhanyela uYesu kwakhona
(Mat 26:71-75; Marko 14:69-72; Luka 22:58-62)
25UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?”
Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.”
26Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?”
27Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku.
UYesu phambi koPilato
(Mat 27:1-2,11-14; Marko 15:1-5; Luka 23:1-5)
28UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika. 29Waphuma ke uPilato, waya kuwo, wathi: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?”
30Aphendula athi: “Ngesingamzisanga kuwe ukuba ebengenguye umenzi wobubi.”
31Wathi kuwo uPilato: “Mthatheni nina, nimgwebe ngokwenu, ngokwemithetho yenu.”
Amphendula athi amaJuda: “Thina asivumelekanga ukubulala umntu.” 32Ekufuna nje oku amaJuda ayezalisekisa ilizwi likaYesu awalithethayo esalatha indlela aza kufa ngayo.
33Ebuyele ngaphakathi komzi wakhe, uPilato wabiza uYesu, wathi kuye: “Ungukumkani wamaJuda na wena?”
34Waphendula uYesu wathi: “Lo mbuzo uvela kuwe, okanye kukho bantu bambi bathe bakuxelela nto ngam?”
35Wathi uPilato: “Uba ndingumJuda nam? Sisizwe sakowenu nababingeleli abaziintloko abakuzise kum. Yintoni le uyenzileyo?”
36Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.”
37UPilato wathi kuye: “Ke, ungukumkani?”
Waphendula uYesu wathi: “Liphuma kuwe eli lithi ndingukumkani. Mna ndithi ndizalelwe ukungqinela inyaniso; ndizele loo nto kanye ehlabathini. Nabani na ongowenyaniso uyaliva ilizwi lam.”
38Wathi kuye uPilato: “Yintoni yona inyaniso?”
UYesu ugwetyelwa ukufa
(Mat 27:15-31; Marko 15:6-20; Luka 23:13-25)
Emva kokuba etshilo waphuma uPilato, waya kumaJuda, wathi kuwo: “Mna andifumani tyala kuye konke. 39Kodwa ngokwesiko lenu ndidla ngokunikhululela umbanjwa abe mnye *ngePasika. Ngaba ke nifuna ndinikhululele ukumkani wamaJuda?”
40Bamphendula bekhwaza besithi: “Hayi, asimfuni lo mntu; sifuna uBharabha.” UBharabha lo ke wayesisihange.

Currently Selected:

UYOHANE 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy