YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 10

10
Umzekeliso ngesibaya
1“Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange. 2Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha. 3Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle. 4Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe. 5Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.”
6UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo.
UYesu ngumalusi olungileyo
7Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha. 8Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange. 9Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele. 10Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.
11“Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe. 12Kodwa umqeshwa, ongenguye umninizo, owalusa nje kwagusha, uthi akubona ingcuka isiza, abaleke, azishiye; ifike ke ingcuka, izibambe iigusha, izichitha-chithe. 13Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumntu nje oqeshiweyo engazikhathalele iigusha. 14-15Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam. 16Ndinazo nezinye iigusha ezingezizo ezesi sibaya. Nazo kufuneke ndize nazo. Ziya kuliva ilizwi lam, umhlambi ube mnye, nomalusi abe mnye.
17“UBawo uyandithanda, ngenxa yokuba ndibuncama ubomi bam. Ke ndobuya ndibufumane. 18Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”
19Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani. 20Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?”
21Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”
UYesu uyafunwa ngamaJuda
22Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem. 23UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon. 24Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”
25Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela. 26Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam. 27Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela. 28Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. 29Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. 30Ke mna noBawo sibanye.”
31Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu. 32Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?”
33Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?”
34Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’ 35Aninakuyijika le ntetho *yeziBhalo. Kaloku uThixo yena uthi bangoothixo abo athetha nabo. 36Ningáthini ke ukuthi mna ndithetha into emanyumnyezi ngoThixo, xa ndithi ndinguNyana kaThixo, mna ndamiselwayo nguBawo, ndathunyelwa ehlabathini nguye? 37Ukuba andiwenzi umsebenzi endithunywe wona nguBawo, sanukundamkela; 38kodwa ukuba ndiyawenza, bamkeleni ubungqina bezenzo zam, nokuba ananeliseki ndim. Ke ngoko noqonda nazi okokuba uBawo ukum, nam ndikuye.”
39AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha, 40wabuya wemka waya phesheya kweJordan, apho wayebhaptiza khona kuqala uYohane, wahlala khona. 41Kweza abantu abaninzi kuye, bathi: “UYohane okunene akazange enze namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo ngalo mntu kuyinyaniso.” 42Abantu abaninzi ke balapho bazinikela kuye.

Currently Selected:

UYOHANE 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy