YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 28

28
UJeremiya nomshumayeli uHananiya
1Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiya ukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke: 2“Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe kakumkani waseBhabheli ephezu kwenu. 3Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare. 4Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”
5UJeremiya umshumayeli wamphendula umshumayeli uHananiya apho ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke ababelapho endlwini kaNdikhoyo, 6wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli! 7Kambe ke, khawuve le nto ndiza kuyithetha apha phambi kwakho nangaphambi kwabo bonke aba bantu. 8Abashumayeli bamandulo, ababekho ngaphambi kwethu, babeshumayela ngemfazwe nendlala nobhubhani, bethetha ngezizwe ezikude nezikumkani ezinamandla. 9Umshumayeli ke obevakalisa uxolo ebecaca ukuba ungothunywe nguNdikhoyo ngenene xa izinto azishumayelayo zisenzeka.”
10UHananiya wayixhiwula loo dyokhwe yayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, wayaphula, 11wathetha apho ngaphambi kwabantu, wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi yena uza kwenjenje ukuyaphula idyokhwe ukumkani uNebhukadenezare ayithwalise izizwe zonke. Iza kwenzeka kwiminyaka emibini loo nto.” Umshumayeli uJeremiya ke usuke wemka.
12Emva kokuba umshumayeli uHananiya eyaphule idyokhwe eyayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi: 13“Hamba uye kuthi kuHananiya: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ewe, uyaphule idyokhwe eyenziwe ngomthi, kodwa uza kufakwa eyentsimbi.’ 14Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Zonke ezi zizwe ndiza kuzithwalisa idyokhwe yentsimbi, zaye ziza kuba zizicaka zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ewe, uza kuthotyelwa nazizilwanyana zasendle uNebhukadenezare.’ ”
15Emva koko umshumayeli uJeremiya wathi kumshumayeli uHananiya: “Jong' apha, Hananiya, akuthunywanga nguNdikhoyo konke wena, yaye aba bantu ubenza babambelele ebuxokini. 16Utsho ke kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, ndiza kukususa wena phezu komhlaba. Ungekapheli lo nyaka, uza kufa wena, kuba ufundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo.’ ”
17Wabhubha ngenyanga yesixhenxe kwakuloo nyaka umshumayeli uHananiya.

Currently Selected:

UJEREMIYA 28: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy