YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 27

27
UJeremiya uthwala idyokhwe
1Esaqala ukulawula uZedekiya, unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, lisithi: 2“Utshilo uNdikhoyo kum ukuthi: Zenzele iidyokhwe ezinezitrophu, enye uyithwale entanyeni, 3ezinye uzithumele kookumkani base-Edom, eMowabhi, eAmon, eTire, naseSidon, uzithumela ngezi zigidimi zize apha eJerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaJuda. 4Ziyalele ukuba zixelele iinkosi zazo zithi: Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: 5‘Lenziwe ndim ngamandla am amakhulu nengalo yam eyomeleleyo ihlabathi, nabantu abakulo, nezilwanyana ezikulo; ndaye ndilinika nabani na endifuna ukumnika lona. 6Ke ngoko onke amazwe enikuwo ndiza kuwanikezela esandleni sikaNebhukadenezare, isicaka sam, ongukumkani waseBhabheli. Nditsho nezilwanyana ezi zasendle ziza kuba zezakhe. 7Zonke izizwe ziza kuba phantsi kwakhe, nonyana wakhe, nomzukulwana wakhe, lide lifike ixesha lokuwa kwelo lizwe lakhe. Emva koko ke kuya kufika izizwe ngezizwe, zinookumkani bazo abanamagama, zimoyise.
8“ ‘Xa kuthe kwabakho isizwe okanye ulawulo esingafuni ukuzithoba phantsi kukaNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, nditsho esingavumiyo ukuyithwala entanyeni idyokhwe yakhe, eso sizwe ndosohlwaya ngekrele, nendlala, nangobhubhani, side sinikezelwe ngokupheleleyo esandleni sikaNebhukadenezare.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 9‘Ngoko ke musani ukubaphulaphula abashumayeli benu, noosiyazi benu, nabalawuli-maphupha benu, namatola enu, nezanuse zenu, abathi kuni: “Anisoze naba zizicaka zikakumkani waseBhabheli.” 10Banishumayeza ubuxoki abo; bona baya kunibangela ukuba nikhutshelwe kude kumhlaba wenu. Ndonichitha-chitha nitshabalale. 11Kanti sona isizwe esimthobelayo ukumkani waseBhabheli, sifake intamo edyokhweni yakhe, simthobele, sona ndosiyeka emhlabeni waso: sohlala kuwo, siwulime.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12NakuZedekiya ukumkani wakwaJuda, ndithethe kwaloo nto inye. Ndithe: “Mthobeleni ukumkani waseBhabheli, niyithwale idyokhwe yakhe, nimkhonze yena nabantu bakhe, khon' ukuze niphile. 13Ngani ukuba nizibulalise ngekrele, nendlala, nobhubhani, zinto ezo eziya kuthunyelwa nguNdikhoyo kwisizwe esingafuni ukuthobela ukumkani waseBhabheli? 14Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Anisokuze nibe phantsi kolawulo lukakumkani waseBhabheli,’ kuba bashumayela ubuxoki bodwa xa batshoyo. 15Abathunywanga ndim abo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bathetha ubuxoki egameni lam. Ngoko ke ndonigxotha, nitshabalale kunye nâbo bashumayeli banishumayeze ubuxoki.”
16Ke ndithe kubabingeleli nakubantu bonke: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Iimpahla zendlu kaNdikhoyo ziza kubuya kwakamsinyane eBhabheli.’ Banishumayeza ubuxoki. 17Ze ningabaphulaphuli. Ze nithobele ukumkani waseBhabheli xa nifuna ukuphila. Ngani ukuba esi sixeko sibe ngamabhodlo? 18Ukuba bangabashumayeli – ukuba likho kubo ilizwi likaNdikhoyo – mabambongoze uNdikhoyo uSomandla-onke, khon' ukuze impahla eseleyo yendlu yakhe, neyasebhotwe lokumkani wakwaJuda, neyabantu baseJerusalem, ingathinjwa isiwe eBhabheli.”
( 19-20Xa ukumkani uNebhukadenezare wayebamba ukumkani wakwaJuda uJekoniya, unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem, ebasa eBhabheli, wazishiya iintsika kunye netanki yobhedu, neenqwelwana, kunye nezinye izinto ezashiywayo endlwini kaThixo.)
21Ngokubhekisele kwimpahla eseleyo endlwini kaNdikhoyo, nasebhotwe lokumkani, naseJerusalem, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke uThixo kaSirayeli ukuthi: 22“Iya kusiwa eBhabheli, ihlale apho ndide mna ndibuye ndiyilande ngokwam,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ndiyibuyisele kwakule ndawo.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 27: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy