YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 18

18
UJeremiya emzini wombumbi
1Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.” 3Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe. 4Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.
5Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 6“Ke, bantu bakwaSirayeli, niba mna andinako ukwenza kuni njengokuba umbumbi esenza njalo ngodongwe?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nani nisezandleni zam, njengodongwe olusezandleni zombumbi. 7Nanini na xa ndithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolunyothula, ndiludilize, ndilutshabalalise, 8ze lona olo hlanga luguquke, luyiyeke loo nkohlakalo ebendiluxelele yona, andiyi kukwenza oko bendithe ndokwenza. 9Kanti ke nanini xa bendithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolwakha ndilumilisele, 10ze lona lungandithobeli, lwenze ububi, andiyi kukwenza oko kulungileyo bendizimisele ukukwenza.
11“Ngoku ke baxelele abantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem, uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Niyabona, ndiniqulunqele ububi, ndanicingela icebo. Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nilungise ihambo yenu nezenzo zenu.’ 12Bona ke baza kuthi: ‘Unotshe! Siza kuhamba ngokubona kwethu, elowo kuthi enze ngokuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo.’ ”
Abantu babukula uNdikhoyo
13Ke ngoko utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Khanibuzise kwezinye iintlanga
ukuba yakha yehla phi na into enje ngaphambili.
Intombi enguSirayeli yenze ihlazo elimanyumnyezi!
14Likhe linyibilike liphele ikhephu ezincotsheni zeLebhanon?
Yona imisinga epholileyo evela kwimithombo yakude yakha yoma nini?
15Kodwa bona abantu bam bandilibele.
Bênzela izinto ezingamampunge isiqhumiso,
zabakhubekisa kwiindlela zabo,
nditsho umendo wamandulo.
Baphambukile kwindlela eyiyo,
bahamba ngeendledlana ezingalungiswanga.
16Lo mhlaba bawutsho wayintw' ekhwankqisayo,
intw' eya kuhlala ingumbono ongajongekiyo.
Bonke abahamba ngendlela baya kothuka kakhulu,
badlule behlunguzela iintloko bethe khumnqa.
17Njengomoya wasempumalanga ndokwenjenjalo ukubathi saa phambi kweentshaba zabo,
ndibanike umhlana, ingabi bubuso, mhla bafikelwa lishwangusha.”
UJeremiya wenzelwa iyelenqe
18Bathetha-thethana bathi ngam: “Masimbonele icebo uJeremiya lo. Soze siyiswele imfundiso yababingeleli, namacebo ezilumko, kunye namazwi abashumayeli. Ngoko ke masimgxibhe ngamazwi ethu, singakusi so konke akuthethayo.”
19Ke mna ndathi:
“*Ndikhoyo, ndiphulaphule;
zive iintetho zabamangaleli bam!
20Bakha babuyekezwa phi ubuhle ngobubi?
Nâbo ke bendimbela umgodi.
Khumbula mhla ndisiza kuwe,
ndize kubacengela ukuba ungabi namsindo.
21Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo;
bayeke baye kufa likrele.
Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo;
amadoda abo atshabalale,
noonyana babo babulawe emfazweni.
22Makube sisijwili emizini yabo
xa befike ngebhaqo abaphangi abathunywe nguwe.
Bandembele umngxuma, ukuze ndeyele kuwo;
bandibekele izabatha zokubambisa iinyawo zam.
23Uyawazi, wena Ndikhoyo, onke amayelenqe abo okundibulala.
Uze ungabuxoleli ubugwenxa babo,
nesono sabo ungasicimi sithi shwaka emehlweni akho.
Mabakhubeke bawe phantsi phambi kwakho,
ubohlwaye usesemsindweni.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy