YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 17

17
Isono sikaJuda
1*UNdikhoyo uthi:
“Isono sakho, Juda, sikrolwe ngepensile yentsimbi,
saqoqwa ngencam yelitye lenyengane ecwecweni lentliziyo yakho,
nasezikoneni zamaqonga akho.
2Esi sono sisakhunjulwa ngoonyana bakho.
Bayawakhumbula amaqonga esithixokazi uAshera
nemifanekiso yakhe emiswe ngakwimithi enamagqabi ezindulini.
3Intaba yam phaya endle,
kunye nobutyebi bakho nendyebo yakho,
ndizinikele zibe lixhoba ngenxa yesono sakho
osenze kulo lonke elakowenu,
unqula kwizibingelelo ezingezizo.
4Uza kulahlekelwa lilifa lakho olinikwe ndim,
ndikwenze ukhonze iintshaba zakho ezweni obukade ungalazi,
kuba umsindo wam uvutha njengomlilo,
waye awusobe ucinywe.”
Ilishwa lokuthembela emntwini
5Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Hayi ilishwa lomntu obek' ithemba emntwini,
akholose ngamandla ento eyinyama negazi,
abe entliziyweni enxaxhile kuNdikhoyo.
6Loo mntu unjengetyholo lasentlango;
akanakuze abe nempumelelo.
Uya kuma ezinkqantosini, kumhlaba ongumqwebedu,
umhlaba onetyuwa, apho kungahlali mntu.
7Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
8Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.
9“Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
Akukho nto inokuyinyanga,
kungekho bani uyiqondayo.
10Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
nomvavanyi weengcinga zabo.
Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.”
11Lowo uzuza ubutyebi ngobuqhetseba
ufana nesakhwatsha esiqandusela amaqanda angengawo awaso.
Uya kulahlekwa bobo butyebi eselula ngeminyaka,
ekugqibeleni abe sisityhamtyham, esingento.
12Indawo yethu yokunqula libhotwe eliqaqambileyo,
elathi zinzi phezulu kwantlandlolo.
13Nguwe, Ndikhoyo, ithemba lamaSirayeli.
Bonke abo bakushiyayo bohlazeka.
Bothi shwaka oku kwamagama abhalwe eluthulwini,
xa beshiya wena, Ndikhoyo.
Kaloku wena ungumthombo wamanzi obomi.
UJeremiya ucela uncedo kuNdikhoyo
14Ndiphilise, *Ndikhoyo, ndiphile qete.
Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam.
15Abantu basoloko besithi:
“Liphi na ke ilizwi likaNdikhoyo?
Masilibone kaloku lizaliseka.”
16Kanti ke, Ndikhoyo,
andizange ndale ukuba ngumalusi phantsi kwakho,
ndingazange abantu ndabanqwenelela umhla weshwangusha.
Kaloku, Ndikhoyo, uyayazi into endayithethayo,
kuba ndayithetha ebusweni bakho.
17Musa ukuba sisoyikiso kum.
Kaloku nguwe umkhuseli wam ndakuhlelwa yintlekele.
18Mabadane abo bandisukelayo, mna ndingadani.
Mabankwantye luloyiko bona, mna ndingoyiki.
Bazisele imini yentlekele,
ubohlwaye ngesohlwayo esiphindiweyo.
UMhla wokuPhumla
19*UNdikhoyo wathi kum: “Hamba uye kuma ngakwiSango laBantu apho ookumkani bakwaJuda baphuma bengena khona esixekweni. Uze udlulele nakuwo onke amanye amasango aseJerusalem. 20Uze uthi kubo: ‘Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina kumkani bakwaJuda, nani bantu bakwaJuda xa ninonke, nabani na ongummi waseJerusalem ongenayo ngala masango. 21Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ze ningathwali mthwalo *ngoMhla wokuPhumla, ningangeni ngasango eJerusalem nithwele nto ngoMhla wokuPhumla. Ngokwenjenjalo noba nibeka ubomi benu esichengeni. 22Ewe, ze ningaphumi nokuphuma ezindlwini zenu nithwele umthwalo, ningasebenzi konke ngoMhla wokuPhumla, koko ze niwugcine ube ngumhla owodwa, njengoko ndanditshilo kooyihlo-mkhulu. 23Abazange bandive ooyihlo-mkhulu; abazange bafune kundihoya. Basuka baba neenkani, abafuna kufunda nto kum, abafuna nokundiphulaphula.”
24“ ‘Kambe ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiphulaphuleni ningangenisi mthwalo ngamasango esi sixeko ngoMhla wokuPhumla, koko niwuhlonele, ningenzi msebenzi ngawo konke. 25Xa kunjalo ke ookumkani benu abasesikhundleni sikakumkani uDavide, namaphakathi abo, bekunye nabantu bakwaJuda nabaseJerusalem, bongena eJerusalem bekhwele iinqwelo namahashe, basime eso sixeko ngokungenasiphelo. 26Abantu baya kuza bevela kwizixeko zakwaJuda, nakwiilali ezijikeleze iJerusalem, nakummandla wakwaBhenjamin, nakwelangaselwandle, nakweleentaba, nakumazantsi akwaJuda. Baya kuza endlwini kaNdikhoyo bephethe izinto zokwenza amadini atshiswayo, namanye amadini, neminikelo yeenkozo, nesiqhumiso, kunye namadini ombulelo.
27“ ‘ “Kodwa kufuneka nindithobele, niwuhlonele uMhla wokuPhumla, ube yimini eyodwa. Ngaloo mini ze ningangeni ngamasango aseJerusalem nithwele imithwalo. Ukuba aniwuthobeli lo myalelo, loo masango ndowantumeka umlilo – iinqaba zaseJerusalem ziya kuvutha ngumlilo, ungabi nakucinywa bani.” ’ ”

Currently Selected:

UJEREMIYA 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy