YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 11

11
Ukwaphulwa komnqophiso
1Nali ilizwi elamfikelayo uJeremiya livela *kuNdikhoyo: 2“Phulaphula le miqathango yomnqophiso, uyixelele abantu bakwaJuda kunye nabo bonke abemi baseJerusalem. 3Yithi kubo utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Uqalekisiwe lowo mntu ungayithobeliyo imiqathango yomnqophiso, 4leyo ndayiwisela ooyihlo-mkhulu mhla ndabakhupha eJiputa, ilizwe elalinjengeziko lokunyibilikisa isinyithi kubo. Ndathi kubo: ‘Ndiphulaphuleni, nenze konke endiniyalela kona, khon' ukuze nibe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wenu, 5nokuze isifungo endasenza kooyihlo-mkhulu sokubanika ilizwe lobusi nobisi ndisiphumeze.’ Ngulo mhlaba nimi kuwo namhlanje.”
Ndaphendula ndathi: “Ewe, amen, Ndikhoyo.”
6Wathi kum uNdikhoyo: “Hamba ke uvakalise kwiidolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, uthi: ‘Yibekeleni iindlebe imiqathango yomnqophiso, nihambe ngayo. 7Okoko ndabakhupha eJiputa ookhokho benu ndasoloko ndigxininisa izihlandlo ngezihlandlo ndisithi kubo: “Ndithobeleni.” 8Basuka abaphulaphula bona, abandihoya, koko basuka balandela ububi beentliziyo zabo eziqaqadekileyo. Nam ke ndabahlisela zonke iziqalekiso zomnqophiso endathi mabawuthobele, abeva.’ ”
9Uthe uNdikhoyo kum: “Kukho iyelenqe elenziwa ngabantu bakwaJuda nabaseJerusalem. 10Babuyele kwikakade looyise-mkhulu abalayo ukundiphulaphula. Bona bâlandela banqula *thixo bambi. Ewe, uSirayeli kunye noJuda bawaphule umnqophiso endawenza kunye nookhokho babo. 11Utsho ke ngoko uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kubahlisela ishwangusha abangayi kuphuncuka kulo. Nokuba sebendibongoza andiyi kubaphulaphula. 12Abantu bakwaJuda nabaseJerusalem baya kuya kwabo thixo bebekade bebenzela iziqhumiso, bakhale kubo becela kubo uncedo. Kodwa abayi kuzuza luncedo kwabo thixo ngomhla weshwangusha. 13Oothixo babantu bakwaJuda baninzi kangangezixeko zalapho, ukanti abantu baseJerusalem bamenzele amaqonga eziqhumiso lowa Bhali unezothe kuzo zonke izitalato zalapho.’
14“Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.”
15Uthi uNdikhoyo: “Wena ntandane yam, ufuna ntoni endlwini yam xa undenzela iyelenqe kunye nabanye? Ngaba amadini owenzayo olinqanda ishwangusha? Xa bekunjalo ngewuchulumacha! 16Ndandidla ngokuthi ufana nomthi womnquma oyokozelayo uthwele iziqhamo ezihle ngembonakalo, kodwa ngoku ndiza kuvuthuza ndixele isaqhwithi, ndiwantumeke umlilo amagqabi aloo mthi, ndiwashiye amasebe eze.
17“UJuda noSirayeli bâtyalwa ndim, mna Ndikhoyo onamandla onke, ke ngoku ndibasongela ngeshwangusha. Sisiphumo sezenzo zabo ezigwenxa esi, kuba bandiqumbisile ngokwenzela uBhali amadini esiqhumiso.”
Iyelenqe lokubulala uJeremiya
18*UNdikhoyo wandityhilela, khon' ukuze ndiqonde;
wawavula amehlo am, ndazazi iinjongo zabo.
19Ndandifana nqwa nexhwane elimbuna lisiya kuxhelwa.
Bekungekho nto ndiyaziyo.
Bendingaqondi ukuba baceba amayelenqe ngam,
besithi: “Masiwutshabalalise umthi uselula,
simcime igama, angabi sakhunjulwa ngabaphilayo.”
20Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo Somandla-onke,
wena mgwebi olilungisa,
wena mgocagoci weentliziyo neengqondo zabantu.
Wonke lo mcimbi wam ndiwuxhoma kuwe;
mandikubone ke ukundiphindezela kwakho kubo.
21Ngenxa yoko naku okuthethwa nguNdikhoyo malunga nabantu baseAnatoti abazungula ubomi bakho besithi: “Musa ukuba sashumayela ngegama likaNdikhoyo, hleze sikubulale ngezandla zethu.” 22Ngoko ke uNdikhoyo uthi: “Niyabona, ndiza kuqubisana nabo. Amadodana abo aza kufa ngekrele, oonyana neentombi zabo bona bafe yindlala. 23Akuyi kusinda nempunde le, kuba ndiwazisela ishwangusha amadoda aseAnatoti ngonyaka wokubohlwaya kwam.”

Currently Selected:

UJEREMIYA 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy