YouVersion Logo
Search Icon

UJEREMIYA 10

10
UNdikhoyo nezithixo
1Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, nina bantu bakwaSirayeli. 2Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Musani ukulinganisa inkqubo yezinye iintlanga;
musani ukothuswa yimiqondiso esesibhakabhakeni,
naxa zona zisothuka iintlanga.
3Amasiko eentlanga angamampunge nje.
Bagawula umthi ehlathini,
ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,
4uhonjiswe ngesiliva nangegolide,
ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.
5*Oothixo abanjalo bafana nonomgogwana
oxhonywe entsimini yentyabontyi:
abakwazi kuthetha,
bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.
Musani ukuboyika:
akukho nto imbi banganenza yona,
kungekho nanto banokunceda ngayo.”
6Ngubani onjengawe, Ndikhoyo?
Umkhulu wena;
igama lakho lithe ndii, lidume ngobungangamsha.
7Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga?
Ewe, ufanelwe yimbeko;
akakho onjengawe,
nditsho phakathi kwezilumko
naphakathi kwezizwe nookumkani bazo.
8Ziziyatha nezityhifili xa bebonke;
bangafundiswa ntoni ngoothixo abaqingqwe ngomthi?
9Baqingqwe ngesiliva yaseTashishe,
nangegolide evela eUfazi.
Okuxhonkxwe ziingcibi nabakhandi
kwambeswa ngeengubo ezibomvu nezimfusa ezalukwe ngamagcisa.
10Kodwa nguNdikhoyo onguThixo ngenene;
yena unguThixo ophilayo,
uKumkani oya kuhlala ehleli.
Akuqumba yena umhlaba uyankwantya;
izizwe azinakumelana nengqumbo yakhe.
( 11“Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)
Ukubongwa kukaNdikhoyo
12Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,
walizinzisa ngobulumko ilizwe,
wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.
13Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni,
kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.
Uthumela umbane kunye nemvula,
athulule umoya koovimba bakhe.
14Bonke ziziyatha ezingenalwazi.
Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo,
kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso,
kuba abanawo umphefumlo.
15Zizinto ezingento,
izinto zokuphoxisa,
izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.
16Akanjengabo yena uNxaxheba kaYakobi:
nguye owabumba iinto zonke.
AmaSirayeli ngabantu bakhe ncakasana.
USomandla-onke nguNdikhoyo igama lakhe.
Ukufuduswa
17Qokelela umthwalo wakho, ulungele ukufuduka, wena uhleli ekungqingweni. 18Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”
19Athi ke mna, ukwenzakala kwam!
Amanxeba am akanakuphila.
Ke mna bendisithi:
“Sisifo sam esi; mandisinyamezele.”
20Intente yam ibhukuqiwe;
sele kuqhawuke nezo ntambo zayo.
Bemkile oonyana bam;
akusekho namnye useleyo.
Akukho nokuba abe mnye onokuvusa intente yam;
akukho namnye wokuxhoma umkhusane.
21Abelusi baba bantu ziziyatha,
ababuzi nto kuNdikhoyo.
Yiyo loo nto bengenampumelelo nje,
nemihlambi yabo ithe qhu saa.
22Phulaphulani, kufika udaba.
Kuvakala intshukumo ivela ngasentla.
Luza kutsho kube senkangala kwiidolophu zakwaJuda,
zitsho zibe zizikhundla zoodyakalashe.
23Ndikhoyo, ndiyazi ukuba akukho bani ulawula ikamva lakhe,
nokuba akukho mntu uphethe ubomi bakhe.
24Ndiluleke, Ndikhoyo,
kodwa kube ngobulungisa,
kungabi ngomsindo wakho,
hleze ndingabi nto.
25Ingqumbo yakho yikhuphele kwiintlanga ezingakuvumiyo,
naphezu kwezizwe ezingalinquliyo igama lakho,
kuba zimdlile uYakobi zamgqiba,
aza amadlelo akhe aba yinkangala.

Currently Selected:

UJEREMIYA 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy