YouVersion Logo
Search Icon

EKAYAKOBI 5

5
Isilumkiso kwizityebi
1Ngoku makhe ndibhekise kwabo bemi kakuhle, izityebi. Hlahlambani ningqukruleke ngenxa yeenzingo ezinizelayo! 2Kaloku ubutyebi benu buyangunda, neempahla zenu zityiwa ngamanundu. 3Igolide nesiliva yenu idliwa ngumhlwa. Ngulo mhlwa ke kanye obubungqina obunilahlayo, kuba uya kuyisuba njengomlilo inyama yenu. Kaloku nina nizifumbela ubutyebi ngoku sikwimihla yokugqibela. 4Abasebenzi abalima amasimi enu anibahlawuli. Khanisive isikhalo sabo! Ewe, isililo sabavuni seside savakala nakuThixo, iNkosi uSomandla. 5Kaloku obenu ubomi apha emhlabeni bubunewu-newu nobumnandi. Ewe, nizondle natyeba, kanti nizilungiselela umhla womgwebo. 6Nimgwebile nambulala umntu ongenatyala. Kanti noko akaxhathisi.
Umonde nomthandazo
7Mawethu, yibani nomonde ide ifike iNkosi. Thathani umzekelo kumlimi: yena usilinda ngomonde isivuno asixabisileyo somhlaba wakhe. Ewe, yena uzilinda ngomonde iimvula zasentlakohlaza ngokunjalo nezasekwindla. 8Ngoko ke nani yibani nomonde, ningatyhafi; kaloku iMini yokufika kweNkosi ikufuphi.
9Mawethu, musani ukukhalazelana ukuze ningagwetywa nguThixo. Ngenene yena uMgwebi usemnyango. 10Nanku ke umzekelo, mawethu: ndixela *abashumayeli bamandulo, abo babethetha egameni leNkosi. Bona mababe ngumzekelo wenu wokunyamezela ngomonde naxa kunzima. 11Ewe, sithi banoyolo abo banyamezelayo. Seniyivile indlela awayenomonde ngayo uYobi; niyayazi indlela eyambuyekeza ngayo iNkosi. Kaloku iNkosi inenceba novelwano.
12Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.
13Ukuba kukho umntu osenkathazweni, makathandaze. Ukanti xa umntu evuya, makahlabele ingoma adumise. 14Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. 15Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe. 16Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso. 17Ewe, uEliya wayengumntu efana nathi. Kodwa wathandaza ngokuzimisela ukuba ingani imvula, ngenene labalela iminyaka emithathu enesiqingatha. 18Waphinda wathandaza, saza isibhakabhaka sayithoba imvula, lachuma ilizwe.
19Mawethu, ukuba omnye wenu ulahlekile waphuma enyanisweni, waza omnye umntu wambuyisa, 20qinisekani ngale ndawo: Nabani na oguqula umoni olahlekayo usindise umphefumlo ekufeni, watsho kwaxolelwa izono ezininzi.

Currently Selected:

EKAYAKOBI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy