YouVersion Logo
Search Icon

EKAYAKOBI 2

2
Isilumkiso ngocalu-calulo
1Mawethu, njengoko nikholwa kuYesu Krestu iNkosi yethu enobungangamsha – ninomkhethe kodwa nina. 2Nakufikelwa ziindwendwe ezimbini endlwini yenkonzo, omnye enxibe kakuhle ehombe ngamaso egolide, omnye elihlwempu edlakazela, 3nako ke nina nitatazela nilungiselela lo mfo ulinene, nimnika nesihlalo, nithi lona idlavu malime ngeenyawo okanye lihlale phantsi emhlabeni. 4Aniziqondi ke ukuba xa nenjenjalo nina ngenkqu nimbaxa, nilawulwa yimigaqo ephuthileyo?
5Mamelani apha ndinixelele, zihlobo zam. Andibi kanene uThixo amahlwempu la uwanyulele ukuba atyebe ngokholo, aze afumane isabelo kulawulo oluthenjiswa abo bamthandayo? 6Kodwa nina niwenza intlekisa amahlwempu! Kanene ngoobani abanicinezelayo? Asizozityebi? Andithi kanene zizo ezinirhuqela enkundleni yamatyala, 7zize zenyelise igama likaKrestu enibizwa ngalo?
8Kodwa ukuba niyawuthobela umthetho weNkosi *oseziBhalweni othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela nawe uzithanda ngayo,” noba niyakholisa. 9Kodwa ukuba abantu niyabacalu-calula, noba netyala; nogwetywa njengezaphula-mthetho. 10Lowo uwugcina wonke umthetho, aze aphule umyalelo omnye, unetyala lokuwaphula wonke. 11Kaloku isekwanguloo mwisi-mthetho mnye lo uthi: “Ungakrexezi,” kwanothi: “Ungabulali.” Nokuba na akukrexezi, usisaphula-mthetho ukuba uyabulala. 12Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa kwangulo mthetho usikhululayo. 13Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
Ukholo nemisebenzi
14Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo? 15Nanku umwethu, nanku nodade: bobabini bayadlakazela, bayalamba. 16Kunceda ntoni ukubasizela, nokubacebisa ngento yokwambatha nangokutya, ube ungenzi nto konke ngale meko yabo? 17Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.
18Ewe, ningatsho ukuthi omnye umntu unako ukuba nokholo, kanti nomnye unako ukwenza imisebenzi ethile. Kodwa ke mna ndithi ukuphendula: Khawundibonise ukuba ngaba lufezekile na olo kholo wena uthetha ngalo lungenamisebenzi lubonakala ngayo. Mna ndokubonisa ngemisebenzi ukholo endinalo. 19Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje. 20Akuqondi ke kodwa, sidengendini, ukuba ukholo olungangqinelwa zizenzo luphunzile? 21Akuqondi na ukuba uAbraham ubawo wenziwa waba lilungisa nguThixo ngenxa yesenzo sokunikela uIsake unyana wakhe ukuba abe lidini? 22Akuboni ukuba ngokwenjenjalo oku wayeqhutywa lukholo? Akuqondi ukuba ngesi senzo wangqina ukunyaniseka kokholo awayenalo? 23Esi senzo sazalisekisa amazwi *eziBhalo athi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yokholo wenziwa ilungisa.” Kwenye indawo ubizwa ngokuba ngumhlobo kaThixo. 24Ùyaqonda ke ukuba umntu uba lilungisa ngenxa yezenzo kungekuko ngokholo lodwa? 25Nehenyukazi uRahabhi, andithi kanene naye waba lilungisa ngenxa yesenzo sakhe sokwamkela iintlola, wazizimelisa zasaba ngandlela yimbi? 26Njengoko ufile umzimba xa umphefumlo uphumile, ngokunjalo nokholo olungangqinelwa zizenzo lufana nesidumbu, lufile.

Currently Selected:

EKAYAKOBI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy