YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 48

48
Ikamva lilawulwa nguThixo
1*UNdikhoyo uthi:
“Khanibek' iindlebe,
ndlu kaYakobi;
nditsho nina babizwa ngoSirayeli,
nina bomnombo kaJuda,
nina bafunga igama likaNdikhoyo,
nina bathi banqula uThixo kaSirayeli,
kodwa ngenene nisitsho nje ngomlomo!
2Kanti kwanina niyazidla,
niqhayisa ngokuthi nina ningabemi besixeko sikaNdikhoyo;
nithi nina nixhomekeke kuThixo kaSirayeli,
ogama linguNdikhoyo uSomandla-onke.
3“Kudala-dala ndatsho kwangonoquku;
ewe, ndazixela izinto eziza kuhla,
kamva ke ndatsho suka zenzeka njengoko.
4Kambe ke wena bendisazi ukuba uneenkani nqwa nesele,
ntondini eqinis' intamo,
lityendini lenyengane!
5Kungoko ndazibhengeza kwakudala ezi zinto,
izehlo ndazixela ngaphambi kokuba zenzeke,
khon' ukuze wena ungabi nako ukuthi leyo yimisebenzi *yezithixo ozinqulayo.
6Konke endakuxelayo kwenzekile.
Vuma kaloku!
Kanti ke ngoku ndiza kuxela into entsha,
imfihlakalo eningazange nayazi.
7Ewe, ndiyidala ngoku;
into enje zange yenzeke ngaphambili.
Okanye ke ngowusithi ubuyazi kakade.
8Zange uve uqonde nakuqonda,
kuba ubungenako kakade.
Bendikwazi ukuba wena awuthembekanga;
ndiyakwazi ukuba ungumvukeli owaziwayo.
9Ngenxa yegama lam ndibuya nganeno ngomsindo;
ngenxa yodumo lwam ndiyazithibaza
ukuze ndingakutshabalalisi.
10Andinivavanyanga eziko okwesiliva,
kodwa ndinivavanye ngehambo-nzima.
11Kungenxa yam ukuba ndenjenje;
soze ndiliyekele ngehlazo igama lam,
kungekho bani wosizuza neso sihomo.
Andinikisi ngaso; sesam ndodwa.”
UKoreshi umiswe nguNdikhoyo
12*UNdikhoyo uthi:
“Bek' iindlebe uphulaphule, Yakobi,
nditsho wena, Sirayeli endakubizayo.
Mna ndinguNdikhoyo: ndingowokuqala,
ndikwangowokugqibela.
13Ndim owamisa iziseko zehlabathi;
ndim lo owawatwabululayo amazulu.
Ndithetha ngelizwi, zisuke zibekho.
14Qokelelanani niphulaphule xa ninonke.
Kakade sisiphi *isithixo esinokuvakalisa into enjengale?
Ndinyule oza kuhlasela iBhabheli.
Yena uza kwenza oko kufunwa ndim.
15Kaloku ndim ngokwam endathethayo,
ndim endambizayo, ndamthi jize ngempumelelo.
16Khawusondele ke uphulaphule.
Kwasekuqaleni ndathetha ngokuphandle,
futhi nokufezeka kwazo kokwam.”
Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo undithumile,
wandixhobisa ngoMoya wakhe.
Injongo kaNdikhoyo ngabantu bakhe
17Utsho ke *uNdikhoyo,
uMkhululi wakho,
uYedwa kaSirayeli:
“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;
ndikufaka endleleni ekufaneleyo.
18Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.
Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,
budlobe okwamaza ubulungisa bakho.
19Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa,
lingaze linqanyulwe igama lakho,
kananjalo lingaze litshabalale.”
20Phuman' eBhabheli; washiyeni amaKaledi!
Bhengezani ngemihlali;
ewe, memezani nazis' abantu bonke, nithi:
“UNdikhoyo usihlangule isicaka sakhe uYakobi.”
21Ngokuya wayebakhokela kwinkqantosi ebharhileyo
abantu bakhe zange bafe lunxano;
wabakhuphela amanzi eliweni,
suka waliqhekeza, aza ampompoz' amanzi!
22Ewe, uNdikhoyo uthi:
“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”

Currently Selected:

UISAYA 48: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy