YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 45

45
Ukumiselwa kukaKoreshi
1Wenjenje *uNdikhoyo ukuthetha
nomthanjiswa wakhe uKoreshi,
amthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele,
khon' ukuze avuthulule ookumkani,
avulelwe zonke iingcango,
angathintelwa ngamasango esixeko:
2“Ndim ngokwam oya kukutshayelela;
iinduli neentaba ndosuka ndizilebele,
amasango enziwe ngobhedu ndiwakroboze,
nemivalo yentsimbi ndiyivuthulule.
3Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo;
ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo.
Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli;
ngenene ndim okubize ngegama.
4Ngenxa yesicaka sam uYakobi,
nditsho uSirayeli endimnyulileyo,
ndikubize ngegama,
ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,
nangona wena ungandazi nje.
5“Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.
Ndiya kukuxhobisa utsho uqine
nangona wena ungandazi.
6Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,
bazi emhlabeni wonke jikelele,
baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,
bazi ukuba akukho Thixo wumbi.
7Ndikudalile ukukhanya,
kanti ke nobumnyama;
ivela kum impumelelo,
ngokunjalo neshwangusha;
ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.
8Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,
ke wona umhlaba uya kulwamkela
kutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.
Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”
NguNdikhoyo kuphela iNkosi
9Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?
10Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,
athi: “Nindizalele ntoni?”
11*UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,
umdali wakhe, uthi:
“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,
nindinkqangise ngabantwana bam,
nide nindixelele ngemfanelo yam?
12Ndim owalenzayo ihlabathi;
ndim owadala uluntu kulo;
ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;
ndiyayilawula inyambalala yawo.
13Ngobulungisa bam ndim oxhokonxe uKoreshi;
ndoyityeneneza indlela ayihambayo.
Isixeko sam iJerusalem wobuya asivuse;
uza kubakhulula abantu bam abathinjiweyo.
Loo nto woyenza ngaphandle kwembuyekezo;
kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla-onke.”
14KuSirayeli utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Ubutyebi beJiputa neKushe bobákhó,
iingxilimbela zaseSebha ngamakhoboka akho.
Zona ziza kulandela zikhonxiwe;
zokhahlela kuwe zivuma zisithi:
‘Nini kuphela abanoThixo;
akukho wumbi.’ ”
15Thixo kaSirayeli, uyabahlangula abantu bakho;
wena unguThixo ofihlakeleyo.
16Abaqingqi *bemifanekiso basehlazweni;
ngenene ke bona bonyoshoza bephoxekile.
17Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo;
olwakhe usindiso lohlala luhleli;
yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.
18UNdikhoyo nguye umdali wamazulu;
ngenene nguye oyena-yena Thixo.
Ihlabathi eli labunjwa nguye;
walenza waza walizinzisa.
Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo;
walenzela ukuze limiwe luluntu.
Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo;
akukho Thixo wumbi.
19Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,
nenjongo yam andizange ndiyifihle.
Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,
ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.
NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,
mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.
20“Qokelelanani, nonke zizwe;
nditsho nina, mingqandanda esindileyo.
Yizani kaloku nizokuxoxa,
bantundini bazizityhakala ezingazi nto,
nina batyethe imifanekiso yomthi,
nina banqula *oothixo abangento yanto.
21Yizani kuxoxa enkundleni;
mabathetha-thethane abamangalelwa.
Ngubani owayixela kwamandulo le nto?
Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?
Asindim na Ndikhoyo?
NdinguThixo osindisayo, olilungisa;
ngaphandle kwam akukho Thixo.
22“Khangelani kum nisindiswe,
nina zizwe zehlabathi liphela.
Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.
23Ngenene ndiyafunga,
yaye esam isifungo sinyanisekile;
ewe, sona soze siguquke:
Zonk' iintlanga zokhahlela kum,
zifunge ukuba zondithobela.
24Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ”
Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.
25Kodwa ngenxa kaNdikhoyo yonk' inzala kaSirayeli yogwetyelwa
ize imdumise.

Currently Selected:

UISAYA 45: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy