YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 44

44
UNdikhoyo kuphela koThixo
1“Phulaphula, Yakobi sicaka sam,
wena Sirayeli endimnyulileyo,
2uthi *uNdikhoyo, umenzi wakho
owakubumba esizalweni,
yena owahlala ekunceda:
Ungabi naxhala, Yakobi sicaka sam;
ungumnyulwa wam endimthandayo.
3Ndowuphokozel' amanzi umhlaba onxaniweyo,
kuqukuqele imilambo enkangala,
inzala yakho ndiyithululele uMoya wam,
intsikelelo yam ifukame phezu kwayo.
4Iya kuhluma njengengca eludadeni,
njengemingcunube phezu komlambo.
5Uthile wothi: ‘NdingokaNdikhoyo;’
omnye azibandakanye nendlu kaYakobi;
wumbi agximfizwe ‘Ndikhoyo’ esandleni,
naye azibize ngokuba ngumSirayeli.”
6UNdikhoyo uKumkani kaSirayeli noMkhululi wakhe,
nditsho uSomandla-onke, uthi:
“Ndingowokuqala;
ndikwangowokugqibela;
akukho Thixo wumbi ngaphandle kwam.
7Kakade ngubani onjengam? Makavele!
Makakuvakalise kaloku okwênzekáyo
okoko ndamisela abantu bam mandulo.
Makazixele iziganeko ezizayo;
ewe, makazixele!
8Sanukuphakuzela, musan' ukuxhalaba;
kaloku ndatsho kwamandulo, unangoku ke.
Kambe nina ningamangqina am.
Ngaba kukho Thixo wumbi na?
Ngaba likho na elinye iXhadi?
Unotshe! Mna andizange ndilibone.”
Imifanekiso eqingqiweyo yimfeketho
9Akanto yanto umntu oqingqa *umfanekiso; naloo mfanekiso azidla ngawo yimfeketho. Abo bayithelelayo ziimfama; abaliqondi ihlazo labo. 10Kunceda ntoni ukuqingqa umfanekiso uwenze *uthixo? 11Wonke umntu owenza loo nto uhlazekile. Andithi na kaloku le mifanekiso iqingqwa ngabantu? Mabeze enkundleni kaloku, uya kubona bosuka barhwaqele – abakho lihlazo.
12Umkhandi uthatha ubhedu, alusebenze ngomlilo. Ngezo zigalo zakhe uthatha isando, alukhande elulungisa. Esasebenza njalo uyanxanwa, uyalamba, uyadinwa, yonke loo nto.
13Kanti ke umchweli uyawulinganisa umthi. Uzoba loo nto afuna ukuyenza ngetshokhwe; usebenzisa izixhobo zakhe ewukrola, aze ke akhuphe into efana nomntu (inzwana yomfo) ayithathe ayifake endlwini.
14Ehlathini phaya uthatha nawuphi na umthi; ingangumsedare, um-oki, okanye ipayini. Kanti usengatyala nawuphi na umthi, awulinde ukhuliswe yimvula. 15Inxalenye yomthi umntu uyayithatha abase enze umlilo, aze kwangaloo mthi enze umfanekiso awunqule. Ewe, wotha umlilo awubase ngomthi; aze kwalapho apheke isonka atye; kanti ngenxalenye yaloo mthi uza kwenza umfanekiso, awunqule esithi nguthixo. 16Kwangaloo mthi uyabasa, ose inyama, atye ade adikwe. Ewe, wotha umlilo ade ancome athi: “Kutsho kwamnandi; kufudumele.” 17Kanti ke oseleyo umthi uza kweza umfanekiso ngawo, ajike akhahlele kuwo. Uzibika kuwo athi: “Nceda undihlangule, thixo wam!”
18Abantu abanjalo ke zizititsi ezingayaziyo into eziyenzayo. Amehlo nengqondo yabo ivaleke mba; abayazi inyaniso. 19Umntu oqingqa umfanekiso aze awunqule uncitheke kangangokuba angabi nabuganga bakuthi: “Ikwangulo mthi lo ndiwubasayo ndipheke ngawo, ndize ngokunjalo ndose inyama ndiyitye. Ndingathini ukwenza kwangawo intw' enezothe, ndize ndikhahlele isikhuni somthi?”
20Ufana nomntu otya uthuthu. Ubhanxeke mpela; ngoku uyaphuphutheka, futhi akukho buyambo. Kaloku akavumi ukuba le nto ayiphetheyo ngamampunge.
UNdikhoyo nguMdali noMkhululi
21Utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Zikhumbule ezi zinto kaloku, Yakobi;
kaloku wena usisicaka sam, Sirayeli.
Ndakudalela ukuba ube sisicaka sam;
ndaye ke andisoze ndikulibale.
22Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;
isono sakho sithe shwaka okwenkungu.
Buyela kum; ndim umkhululi wakho.”
23Memelelani ngemihlali, mazulu;
mazidume kaloku neenzonzobila.
Ngqungqani nisine, nani zintaba,
ningqiyaze nani, mithi yamahlathi.
Kaloku uNdikhoyo uzibonakalisile;
ewe, ukukhulule, wena Yakobi;
utyhile amandla akhe ngawe, Sirayeli.
24UMkhululi wakho uNdikhoyo uyathetha;
yena owakubumbayo kwasesizalweni uthi:
“NdinguNdikhoyo uMenzi weento zonke;
ndim owawatwabululayo amazulu,
ikwandim owawolulayo umhlaba;
ewe, zange ndincedwe bani.
25Mna ndizitsho zibhanxeke izanuse,
ndidlale ngabo ke oosiyazi;
ubuciko bezilumko ndiyabutshitshisa,
butsho budule ubutyhakala bazo.
26Ndiyaluphumelelisa udaba lwezicaka zam,
ndizifezekise izihlabo zabathunywa bam.
IJerusalem ndithi isaza kumiwa,
iidolophu zakwaJuda zibuye zakhiwe,
kuvuke izixeko kuloo mabhodlo.
27Mna ndithetha ngezwi kuphela
neelwandle zitsho zome khonkqo.
28Ke kuKoreshi ndithi:
‘Nguwe oza kundalusela;
nguwe oza kufezekisa icebo lam.
Wena uya kuyalela uthi:
“Mayakhiwe iJerusalem.”
Malunga nendlu kaThixo uya kuthi:
“Mazimiswe iziseko zayo.” ’ ”

Currently Selected:

UISAYA 44: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy