YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 42

42
Isicaka sikaNdikhoyo
1*UNdikhoyo uThixo uthethe wathi:
“Nasi isicaka sam endisixhasayo.
Yena ngumnyulwa wam ondikholisayo;
ndimthe jize ngoMoya wam,
izizwe zonk' uziphakel' ubulungisa.
2Yena akakhwazi amemeze;
hayi, akadanduluki ezitalatweni.
3Ingcongolo ecekethekileyo soze ayaphule,
nesibane esilozisayo soze asicime,
koko uphak' ubulungisa ngokunyaniseka.
4Yena ke soze atyhafe adangale,
de aphak' ubulungisa ehlabathini;
nezizw' ezikude zilindel' umthetho wakhe.”
5Nalu udaba lukaThixo uNdikhoyo,
umdali owatwabulula amazulu;
nguye owalaneka ihlabathi nako konk' okwalo;
abemi balo wabaphakel' ubomi,
abantu balo wabanik' ukuphefumla:
6“Mna Ndikhoyo ndikubizile;
ewe, ndingothembekileyo.
Kaloku ndosoloko ndinawe,
ndikulondoloze,
ndikwenze umnqophiso nabantu bam,
ube kukukhanya ezizweni.
7Wena uza kuvula amehlo eemfama;
nguwe oza kukhulula amabanjwa;
nguwe oza kuvula intolongo emnyama.
8“Mna *ndinguNdikhoyo – igama lam ncakasana.
Ubungangamsha bam andinikisi ngabo;
udumo lwam aluzuzwa *yimifanekiso enqulwayo.
9Zinto endazixelayo zenzekile,
futhi nezintsha ngoku ndiyazibhengeza;
ewe, ndizixela zingekathungululi.”
Ingoma yokudumisa uNdikhoyo
10Ntyilozani niculele *uNdikhoyo ingoma entsha.
Malimdumise limbonge ihlabathi jikelele;
nditsho nani nonke abahamba phezu kolwandle.
Mazingathi cwaka nezilwanyana zolwandle;
nezikud' izizwe mazibonge zibongisele.
11Mayidumise nentlango nezixeko zayo;
nabaseKedare mabadumise uThixo;
nabaseSela mabamemelele ngemincili;
ewe, mabamemeze naphezu kweentaba.
12Nabo bemi kwizizwe ezikude
mabamdumise uNdikhoyo.
13UNdikhoyo yena ufunza njengegorha;
yena selequle wada waligangatha.
Nankw' esitsho ngentlaba-mkhosi,
nto leyo idiza ukutshatshela kwakhe.
UThixo uthembisa ngoncedo
14*UNdikhoyo uthethe wathi:
“Kaloku sekumzuzu ndithe cwaka;
suka ndadl' imu ndazibamba.
Ngoku ke okomfazi osikwa yinimba
ndozibhija-bhija ndide ndibhonge.
15Iinduli neentaba ndosuka ndizibhulule,
okwakuyingca nemithi ndikomise.
Imilambo ndoyibharhisa yome khonkqo,
imigxobhozo nezadunge zitshe khothe.
16Iimfama ndozihambisa ngeendlela ezingazaziyo;
ewe, ndozikhokela ngomendo ongaqhelekanga.
Kubo ubumnyama ndobujika bube kukukhanya;
iingxondorha zojika zibe ngamathafa.
Ezo zinto ndiya kuzenza;
futhi ke soze ndizityeshele konke.
17Ke bona abakholosa *ngemifanekiso,
abo bayinqulayo besithi: ‘*Ningoothixo bethu,’
ngenene baya kuphoxeka bahlazeke.”
Ubumfama nokungeva kukaSirayeli
18*UNdikhoyo uthethe wathi:
“Khaniphulaphule ke, nani zithulu;
khangelani nibone, nani zimfama.
19Kakade ngubani oyimfama kunesicaka sam?
Sithulu saphi esidlula isigidimi sam?
Ngubani oyimfama okwalowo ungowam;
nditsho oyimfama njengesicaka sikaNdikhoyo?
20Ewe, ubonile kambe, Sirayeli;
nto nje ayikuncedanga nto loo nto;
uvile kambe nangeendlebe zakho,
kodwa suka awaphulaphula.”
21UNdikhoyo othembekileyo yena ulangazelel' ukunceda;
imfundiso yakhe uyayiqaqambisa.
22Kambe ke aba bantu zizisulu zokuxhatshazwa;
sebatshixelwa kwamnyama-ndawo,
bade baya kufihlwa ezintolongweni.
Ziindwayi ezingamaxhob' ukuxhatshazwa;
ziintw' ezingenabani wakuzihlangula.
Akakho othi: “Godukani ngoku.”
23Yaz'ba ngubani na ozimiseleyo ukuphulaphula
ukuze aqonde kwixa elizayo?
24Nguban' ophise ngoYakobi kubaphangi,
onikele ngoSirayeli kubaxhaphazi?
IkwanguNdikhoyo lo sikreqe kuye,
sisuke asahamba ngendlela yakhe,
suka asaphulaphula simthobele.
25Suka ke wavulela umsindo wakhe,
ukuze thina sidad' emfazweni.
Utsho ngomsind' odangazelayo,
koko uSirayeli tu ukuqonda;
suka wavaleka mpela-mpela,
akahoya nokuhoya.

Currently Selected:

UISAYA 42: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy