YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 36

36
Ama-Asiriya ahlasela iJerusalem
(2 Kum 18:13-27; 2 Gan 32:1-19)
1Ngonyaka weshumi elinesine wokulawula kukakumkani uHezekiya kwelakwaJuda, ukumkani waseAsiriya uSenakeribhe wazihlasela wazithimba zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda. 2Ke kaloku wandulula ingqwayi-ngqwayi yakhe eLakishe, eyithumela eJerusalem nomkhosi omkhulu. Ingqwayi-ngqwayi leyo ke yema kwindlela ebheka apho kusetyenzwa khona amalaphu, ngakumjelo otsala amanzi kwiqula elingentla. 3Yahlangatyezwa nguEliyakim unyana kaHilekiya umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, ndawonye noJowa unyana ka-Asafu usiba-khulu. 4Ingqwayi-ngqwayi yathetha nabo yathi: “Xelelani uHezekiya nithi: ‘Ithethe ngolu hlobo ingangalala ukumkani waseAsiriya: Njengokuba uzithembe kangaka nje, Hezekiya, uqamele ngantoni kanye? 5Akuzilibali unamacebo nobuchule bomkhosi onamandla. Awu, waza walavuza kambe! Ukholose ngabani undivukela nje? 6Jonga, ndiyazi ukuba uthembele ngeJiputa. Xa ingubani yona, umsimelelo ofana nengcongolo entlekekileyo, ojika uhlabe izandla zomntu osimelela ngawo, umtsho abe namanxeba. Ewe, unjalo ukumkani waseJiputa; ubenjenjalo bonke abakholosa ngaye. 7Mhlawumbi ke uthi: “Hayi, thina sikholose *ngoNdikhoyo uThixo wethu.” Kanene lowo asingulo uHezekiya amdilizele iindawo eziphakamileyo zonqulo, wabhangisa namaqonga amadini akhe, esithi kuJuda neJerusalem: “Yizani kunqula kwiqonga eliseJerusalem kuphela”?
8“ ‘Hayi bo! Yiza kaloku, ukhe umiselane nenkosi yam, umhlekazi ukumkani waseAsiriya. Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unganabo abakhweli. 9Kuxa ungubani wena? Akunakuthelekiswa naso nesiveke-veke kumajoni aseAsiriya, noba ungade ukholose ngeenqwelo namahashe aseJiputa. 10Kakade ke, uthi ndifane ndeza kuhlasela ukuze nditshabalalise ndibhuqe konke apha ndingayalelwanga nguNdikhoyo? Hayi, nguNdikhoyo ngokwakhe othe mandingene apha, ndilitshabalalise eli lizwe!’ ”
11Kwesi sithuba ke uEliyakim noShebhena noJowa babhekisa apho kwingqwayi-ngqwayi, bathi: “Khawuncede ukhumshe isiAram, mhlekazi; izicaka zakho ezi ziyasiqonda. Musa ukuthetha nathi ngesiHebhere, hleze kuve naba bantu baseludongeni.”
12Kambe ke loo ngqwayi-ngqwayi yaphendula yathi: “Yini le, nicinga ukuba la mazwi inkosi yam iwabhekisa enkosini yenu nakuni kuphela? Nithi ayiwabhekisi nakwaba bantu bahleli kolu donga? Andithi kaloku nabo kwanjengani baza kutya ilindle labo, basele umchamo wabo!”
13Yaphakama ke ingqwayi-ngqwayi leyo, yadanduluka ithetha ngesiHebhere, yathi: “Phulaphulani nive ekuthethayo ingangalala, ukumkani waseAsiriya! 14Ukumkani uthi: ‘Sanukukhohliswa nguHezekiya lo! Akanako ukunihlangula. 15Sanukumvumela aniwexulele ekukholoseni ngoNdikhoyo, esithi: “Ngenene uNdikhoyo uya kusihlangula, nesi sixeko asiyi kuba lixhoba lokumkani waseAsiriya.” ’
16“Musani ukumphulaphula uHezekiya lo! Ukumkani waseAsiriya uthi: ‘Phumani nize kuzinikezela kum, sivisisane. Ukuba niyayenza loo nto, nonke ngabanye niya konwaba, ibe ngulowo nalowo atye iziqhamo zesidiliya sakhe namakhiwane akhe, esela amanzi equla lakhe, 17ndide ndize kunithatha, ndinise kwilizwe elifana neli lenu, umhlaba onemveliso yeenkozo newayini, ilizwe lengqolowa neediliya.’
18“Sanukulahlekiswa nguHezekiya xa esithi: ‘UNdikhoyo uza kusihlangula.’ *Nguthixo wasiphi isizwe owakhe wasihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya? 19Baphi oothixo baseHamati nabaseArpadi? Baphi oothixo baseSefarvayim? Ngaba bakha bayihlangula iSamariya esandleni sam? 20Nguwuphi kwaba thixo bezi zizwe xa bebonke owakha wanako ukuhlangula ilizwe esandleni sam? Ke, uNdikhoyo lowo yena angayihlangula njani iJerusalem esandleni sam?”
21Kodwa ke bona abantu abo bathula bathi cwaka, abaphendula, kuba kaloku ukumkani uHezekiya wayebayalile wathi: “Ze ningamphenduli.”
22Ke kaloku uEliyakim unyana kaHilekiya, umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye noJowa unyana ka-Asafu, usiba-khulu, bakhathazeka bazikrazula izambatho zabo, bahamba baya kuHezekiya, baza bamazisa loo mazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi.

Currently Selected:

UISAYA 36: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy