YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 4

4
1Ngoko ke lumkani, hleze abanye benu baphoswe, kuba sisemi kaloku isithembiso sokungena ekuphumleni noThixo. 2Kaloku nathi iindaba ezimnandi sizivile, kanye njengabo. Kodwa bona olu daba alubenzelanga nto, kuba abo baluvileyo abalwamkelanga ngokholo. 3Kambe ke thina sikholwayo, singabo bangenayo koko kuphumla kuxelwayo xa kusithiwa:
“Ndithe ke ngomsindo ndafunga ndathi:
‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”
Ke wona umsebenzi wakhe uThixo wayesele wawugqiba kwasekusekweni kwehlabathi. 4Zixela loo nto ke iziBhalo xa zithetha ngomhla wesixhenxe zisithi: “UThixo waphumla ngomhla wesixhenxe akugqiba ukudala.” 5Ndiyaphinda ndithi umxholo esithetha ngawo uthi: “Abasoze bangene ekuphumleni.” 6Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo. 7UThixo ke umise omnye u-“namhlanje.” Kaloku emva kweminyaka emininzi selesebenzisa uDavide; uthi:
“Namhlanje nakuliva ilizwi lakhe,
nize ningabi neenkani.”
8Ke ukuba uYoshuwa wabafikisa ekuphumleni, ubengathini uThixo emva koko ukuthetha ngomnye umhla? 9Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla. 10Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe. 11Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.
12Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu. 13Akukho nto ifihlakeleyo kuye: yonke into imi ze phambi koThixo. Silindelwe kukwenza ingxelo kuye xa sisonke.
UYesu umbingeleli omkhulu
14Ngoko ke, sinombingeleli omkhulu nje, uDabulamazulu, uYesu uNyana kaThixo, masibambelele nkqi kwesi sivumo sethu. 15Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one. 16Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy