YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 3

3
UYesu mkhulu kunoMosis
1Ngoko ke, mawethu abiziweyo ayimilowo yendlu kaThixo, khanimjongisise uYesu lo simvumayo thina makholwa ukuba *ungumthunywa kaThixo kwanombingeleli wethu omkhulu. 2Yena wathembeka kuThixo owammiselayo, kwanjengokuba noMosis wayethembekile endlwini kaThixo. 3Kakade umakhi wendlu uzuza udumo kunendlu leyo ayakhileyo. Ngokunjalo ke noYesu uzuze udumo olungaphezulu kolukaMosis. 4Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto. 5Ke yena uMosis wayethembekile endlwini kaThixo iphela, esisicaka esasimela ukwalatha izinto ezaziza kutyhilwa nguThixo. 6Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.
Ukuphumla kwabantu bakaThixo
7Kungoko ke noMoya oyiNgcwele atshoyo ukuthi:
“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,
8sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube entlango apho namlingayo uThixo.
9‘Apho bandivavanyayo bandilinga ooyihlo,’ utsho uThixo,
‘nakuba yaba ngamashumi amane eminyaka beyibona imisebenzi yam.
10Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:
Basoloko besona;
abaziqondi iindlela zam.
11Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:
Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”
12Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo. 13Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono. 14Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.
15*IziBhalo xa zisithi:
“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,
sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube,”
16zibhekisa kubani? Ngoobani abo bevayo kodwa bagwilika? Kaloku ngabo babephuma eJiputa bekhokelwa nguMosis. 17Ingoobani abo bamcaphukisayo iminyaka engamashumi amane uThixo? Ngokuqinisekileyo ngabo bonayo, abazidumbu zathi waca entlango. 18Ngoobani abo wabafungelayo uThixo esithi abasoze bangene ekuphumleni kwakhe? Wayexela abo bamvukeláyo. 19Siyabona ke ukuba ababanga nako ukungena kuba bengakholwa.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy