YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 13

13
Iziyalo nezilumkiso
1Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. 2Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi. 3Wacingeni amabanjwa njengokungathi nani nibanjwe kunye nawo. Bacingeni nabo baphethwe kakubi ngokungathi nini abo banjalo.
4Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.
5Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.” 6Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?”
7Khumbulani iinkokheli zenu zamandulo, ezanixelela ngodaba lukaThixo. Cingani ngobomi bazo nempumelelo yemigudu yazo, nilinganise ukholo lwazo. 8UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini. 9Nize ningakhukuliswa enyanisweni ziimfundiso ezingabhadlanga. Kulungile ukuba somelezwe lubabalo lukaThixo, yaye imithetho ngezinto emazityiwe nemazingatyiwa ayincedi nto, ayizange ibancede nabo bayigcinayo.
10Elethu iqonga lamadini linjengeliya ababingeleli bonqulo lwamaSirayeli babengenalungelo lakutya kulo. 11Njengoko nisazi, umbingeleli omkhulu ubengena negazi leenkomo neleebhokhwe kweyona ingcwele indawo, aze angxengxezele izono ngelo gazi. Kodwa inyama yazo yona ibitshiselwa ngaphandle. 12UYesu ke naye wafela ngaphandle kwamasango edolophu, khon' ukuze abangcwalise abantu ngegazi lakhe. 13Nathi ke ngoko masiye kuye ngaphandle, silixhamle ihlazo lakhe. 14Kaloku apha asinakhaya lisisigxina, koko sinxubele elizayo. 15Ngawo onke amaxesha masenze umbongo kuThixo, ube lidini esilinikela kuye ngoYesu, silivuma ngomlomo wethu igama lakhe. 16Masingaze siyeke ukwenzelana ububele, kuba leyo yeyona minikelo imkholisayo uThixo.
17Zithobeleni iinkokheli zenu, nizihloniphe, kuba azilali lixhala ngenxa yenu. Kaloku kufuneka zenze ingxelo yomsebenzi wazo kuThixo. Ke ukuba niyazihlonela, woba khaphukhaphu umsebenzi wazo. Kanti ungaba nzima, ningancedeki nani, ukuba anizihloneli.
18Nam ndithandazeleni. Ndiqinisekile ukuba mna andinasazela nganto; kaloku ndisoloko ndinqwenela ukwenza okulungileyo maxa onke. 19Nditsho ngenene ukuba ze nindithandazele, ukuze uThixo andibuyisele kuni kamsinyane.
Umthandazo
20UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi, 21ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.
Isiphetho
22Mawethu, ze niwanyamezele la mazwi enkuthazo. Kambe yileta emfutshane nje le. 23Umhlobo wethu uTimoti ukhululwe entolongweni. Ndiza kuza naye apho ukuba ukhawuleze wafika.
24Umbuliso kwiinkokheli zenu, nakulo lonke usapho lukaThixo. Amakholwa aseItali ayabulisa.
25Wanga uThixo anganenzela isisa nonke.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy