YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 12

12
Ukunyamezela ingqeqesho
1Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele. 2Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.
3Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi. 4Kuba kaloku kulo mzabalazo wokulwa isono anikazingisi kude kuphalale igazi. 5Ngaba seniyilibele na indlela anikhuthaza ngayo uThixo ngokoonyana, esithi:
“Nyana wam, sukuyidela ingqeqesho yeNkosi;
futhi sukutyhafa yakukululeka.
6Kuba iNkosi iyabaqeqesha abo ibathandayo,
ize imohlwaye unyana owamkelekileyo kuyo.”
7Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho. Kaloku uThixo uniphethe njengoonyana bakhe. Nakha nambona phi unyana ongaqeqeshwayo nguYise? 8Ukuba ngaba aniqeqeshwa njengabo bonke oonyana, loo nto iya kuthetha ukuba aningabo oonyana ngenene, koko niyimigqakhwe. 9Kaloku besifudula sinabo ootata apha emhlabeni, besiqeqesha, kodwa sibahlonipha. Kuyimfuneko ngakumbi ke ukuba simhloniphe ngentobeko lowo ungutata wethu ngokoMoya, khon' ukuze siphile. 10Ootata bethu bona babesiqeqesha kangangoko, kodwa lilifutshane ixesha labo. Kambe ke yena uThixo, esiqeqesha nje, usilungiselela ukuba sibuxhamle ubungcwele bakhe. 11Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.
Ingozi yokungaliphulaphuli ilizwi likaThixo
12Ngoko ke dlamkani, zihlaziyeke iingalo ezinomkhinkqi namadolo anengevane. 13Imizila yendlela yenu mayingabi goso, ukuze oqhwalelayo angenzakali, koko anyangeke.
14Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi. 15Lumkani kungabikho mntu uphulukana nalo ubabalo lukaThixo. Makungakhuli ngcambu yabubi inokuthi ibe yityhefu kwabaninzi. 16Lumkani kungathi kanti kukho umntu olihilihili, okanye ophandl' apha njengoEsawu. Kaloku yena waphulukana nobuzibulo bakhe ngenxa yokutya. 17Kananjalo niyazi ukuba kamva wathi efuna ukuyibanga intsikelelo akamkeleka. Ewe, wayeyifuna nangeenyembezi, kodwa akayizuzanga, kuba akazange alifumane ithuba lokuguquka.
18Kambe nina anijongananga nanto iphathekayo njengamaSirayeli entabeni yeSinayi, eyayidangazela umlilo, inobumnyama obuzala isithokothoko, inoqhwithela, 19nenzwinini yexilongo, nokuzongoma kwelizwi elabatsho bonke abalivayo bathi makungabi saphindwa kuthethwe nabo. 20Kaloku barhwaqeliswa ngumyalelo othi: “Nesilwanyana esithe sasondela apho entabeni masikhandwe ngamatye sife.” 21Lo mbono wawusoyikeka kangangokuba uMosis wavakala esithi: “Andoyiki ndiyagubha!”
22Hayi kaloku, nina niphambi kwentaba iZiyon, nomzi kaThixo ophilayo, iJerusalem yaphezulu enamawaka-waka ezithunywa zezulu. Nifikile kwitheko 23leenginginya yeendlalifa zikaThixo ezingabemi baphezulu. Ewe, niphambi koThixo ongumgwebi wabo bonke, naphambi koomoya bamalungisa asulungekileyo. 24Nifikile kuYesu unozakuzaku womnqophiso omtsha. Ukuchitheka kwelakhe igazi kusiphathele izinto ezinkulu kunelika-Abheli.
25Ngoko ke sanukuba neenkani: phulaphulani xa athethayo. Abo babeneenkani, bangazange baliphulaphule ilizwi elalibalumkisa emhlabeni, abasindanga esohlwayweni. Ngokungakumbi ke nathi asiyi kusinda ukuba sineenkani, asiliphulaphuli ilizwi lalowo usilumkisayo ezulwini. 26Kambe ke ngelo xesha ilizwi lakhe lawugungqisa umhlaba, kodwa ngoku uthembise wathi: “Ndiya kuphinda, phofu ndingagungqisi umhlaba wodwa, koko nezulu ngenkqu.” 27La mazwi athi “ndiya kuphinda” acacisa mhlophe ukuba izinto ezidaliweyo ziya kugungqiswa zisuswe, zize zithi izinto ezingagungqiyo zisale.
28Ngoko ke masitsho ngongazenzisiyo umbulelo kuThixo, kuba kaloku siphantsi kombuso ongagungqiyo. Masidomboze simnqule ngendlela eya kumkholisa uThixo, simhlonela sinoloyiko. 29Kaloku uThixo wethu ngumlilo olenyayo.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy