YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 11

11
Ukukholwa
1Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo. 2Abantu bamandulo bagqwesa ngenxa yokuthembela kwabo kuThixo.
3Ngokholo siyaqonda ukuba indalo yavela ngelizwi likaThixo, zaza izinto ezibonakalayo zabakho kungekho nto ibonakalayo adala ngayo.
4Ngokholo lagqwesa kuThixo elika-Abheli idini kunelikaKayin. Ngokholo uAbheli wamkelwa nguThixo waba lilungisa, kuba uThixo ngokwakhe wakholiswa ngumnikelo wakhe. Ngako ukukholwa kwakhe ke, naxa afileyo nje uAbheli, usathetha.
5Ngokholo uInoki wathwetyulwa engakhange afe. *IziBhalo zithi: “Akazange aziwe bani apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.” Futhi ziyangqina iziBhalo ukuba uInoki wamkholisa uThixo ngaphambi kokuba athathwe. 6Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.
7Ngokholo uNowa, xa wayexelelwa nguThixo ngezinto ezaziza kuhla, waphulaphula wakha inqanawa, walusindisa usapho lwakhe. Ngokholo lwakhe wabudandalazisa ubugwenxa behlabathi, waza wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokuthembela kwakhe kuye.
8Ngokholo uAbraham walusabela ubizo lokuya kuma kwilizwe elalithenjiswe nguThixo kuye nakwinzala yakhe. Walishiya elakowabo, engazi nokuba makabheke ngaphi na. 9Ngokholo wahlala engumphambukeli kwilizwe lesithembiso. Wayehlala ezintenteni. Benjenjalo nooIsake noYakobi abakwaziindlamafa zeso sithembiso. 10Kaloku wayenxubile elindele elo lizwe liziseko zingagungqiyo, lakhiwe nguThixo.
11Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe. 12Yiyo ke loo nto kuthe kwindoda enye, naxa yayiselifana nofileyo nje kukwaluphala, kwavela inzala ebuninzi bungangeenkwenkwezi, ingenakubalwa okwentlabathi elunxwemeni lolwandle.
13Bonke aba bantu bafa benokholo. Babengekazixhamli iziqhamo zesithembiso. Kodwa naxa zazikude babezibona, bezilangazelela, bevuma ukuba bona baziindwendwe nje ezidlulayo kweli lizwe. 14Abantu abenjenje ukuthetha kucace mhlophe ukuba bafuna elakowabo, 15bengalikhumbuli ilizwe abalishiyileyo. Kaloku ngebabebuyele ukuba kwakunjalo. 16Koko sibabona benxubele ilizwe elihle – izulu. Yiyo ke loo nto angenazintloni uThixo xa kuthiwa unguThixo wabo; kaloku ubalungiselele isixeko.
17Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake akuvavanywa nguThixo. Lo Abraham zazenziwe kuye izithembiso, nguye kanye lo wayeselemnikela unyana okwakukuphela kwakhe; 18lo kanye kwakuthiwe ngaye: “Inzala yakho yokwaziwa ngomlibo kaIsake.” 19Kaloku uAbraham yena wayeqonda ukuba uThixo unako ukubavusa abafileyo – ngathi ke uThixo wamvusa kwabafileyo noIsake.
20Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu.
21Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo.
22Xa wayeselukhukweni lokufa, uJosefu ngokholo wayolela ngemfuduko yamaSirayeli eJiputa, wayaleza namathambo akhe.
23Ngokholo abazali bakaMosis bamfihla iinyanga ezintathu emva kokuba ezelwe. Kaloku wayelusana oluthandekayo, baza ke àbasithobela isimiselo sekumkani ngokwenza loo nto.
24Ngokholo, akuba mdala uMosis, akazange avume ukuba kuthiwe ungunyana wentombi yokumkani waseJiputa. 25Wakhetha ukuhlupheka kunye nabantu bakaThixo kunokuba axhamle isono nokuba ngumzuzwana nje. 26Ingcikivo kaKrestu wayithatha njengento ebaluleke ngaphezu kwabo bonke ubutyebi baseJiputa, kuba wayenethemba lomvuzo ozayo.
27Ngokholo uMosis wayishiya iJiputa, phofu kungengakuba wayesoyika umsindo wekumkani. Wayefunzele phambili ngokungathi wayembona uThixo ongabonwayo. 28Ngokholo wamisela isidlo *sePasika. Wayalela ukuba makutshizwe imigubasi ngegazi, khon' ukuze isithunywa sokufa singawatshabalalisi amazibulo amaSirayeli.
29Ngokholo amaSirayeli aluwela uLwandle oluBomvu ngokungathi ahamba emhlabeni owomileyo, kodwa wona amaJiputa eyela akuwalinganisa.
30Lukholo olwadiliza iindonga zeJeriko, akuba amaSirayeli ezijikeleze iintsuku zasixhenxe. 31Lukholo olwasindisa ihenyukazi uRahabhi ekutshabalaleni kunye nabo bangamthobeliyo uThixo, kuba lona lazamkela ngobubele iintlola.
32Ndibalisa ntoni na? Lingaphela tu ixesha ndithetha ngoGidiyon, noBharaki, noSamson, uJafta, noDavide, uSamweli, *nabashumayeli bamandulo. 33Ngokholo bona babhukuqa izikumkani, benza ubulungisa, bazuza izinto ezazithenjiswe nguThixo. Babevingca imilomo yeengonyama ezigqumayo, 34bacime imililo edwanguzayo, basinde ekufeni ngekrele. Baphiwa amandla xa babengenawo. Babengamagorha emfazweni; babezichitha iintshaba zibe ziintsalu. 35Ngokholo abafazi babebuyiselwa abafileyo babo bevuswe ekufeni. Abanye bâla ukukhululwa, bafa ngokungxwelerhwa, khon' ukuze bavukele kobona bomi. 36Bambi babesenziwa intlekisa, bekatswa, bekhonkxwa ngamatyathanga, bevalelwa entolongweni. 37Babekhandwa ngamatye, besarhwa kubini, bebulawa ngekrele. Babehamba benxibe iimfele zeegusha nezikhumba zeebhokhwe, beswele, betshutshiswa, bephethwe gadalala. 38Babengafanelanga ukuhlala kweli hlabathi linje, ngenxa yokulunga kwabo. Babezizibhadu-bhadu ezazihamba zihlala koozintlango nasezintabeni, koomiqolomba nasemingxunyeni phantsi komhlaba.
39Bayakhunjulwa bonke ngabanye aba, ngenxa yokugqwesa kokholo lwabo. Kambe ke abazizuzanga izinto ezathenjiswayo nguThixo, 40kuba kaloku uThixo ube nacebo limbi lilungileyo: uthande ukuba bangazixhamli izithembiso zakhe ngaphandle kwethu.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy