YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 49

49
Umyolelo kaYakobi
1UYakobi wabiza oonyana bakhe, wathi: “Sondelani ndinixelele ngekamva lenu:
2“Ndingqongeni nibek' iindlebe, zinto zikaYakobi;
mbekeleni iindlebe uyihlo uSirayeli.
3“URubhen lizibulo lam;
ndazibon' amandla ngaye;
ubudoda bam ndabuqonda ngaye.
Ngoyena unamandla;
ngoyena unewonga koonyana bam bonke.
4Kambe ke akasayi kutshatshela.
Yintw' efan' igqabhuke okomsinga wamanzi,
kuba yangena iqadi likayise,
yasixabhel' isilili soyise.
5“USimon noLevi ngoonyongande kuzalana;
zizibhoja ezixhel' abantu ngezixhobo zazo.
6Andiwangeni amayelenqe abo;
andinanxaxheba kwigqugula labo.
Kaloku bagwint' abantu ngenxa yephuku;
bangxwelerh' iinkomo ngenxa yemfeketho.
7Linelishw' iphuku labo, kuba liyankwantyisa;
unelishw' umsindo wabo, kub' ukhohlakele.
Bona ndobabhacisa kulo lonke elakwaYakobi,
babe ziintsalu kwelakwaSirayeli.
8“UJuda yintw' edunyiswa ngamawayo;
yintw' ezithe xhakamfu ngesixhanti iintshaba zayo,
intw' ekhahlelwayo ngabantakwayo.
9UJuda ndithi yintw' enga yingonyama,
yintw' echwechwel' ixhoba,
ibuy' ibuthume esikhundleni sayo;
buthuthu izolile, ingabe iphazanyiswe nto.
10NguJuda opheth' umsimbithi wokulawula.
Uya kuhlala elawula njalo,
ade afike umniniwo,
izizwe zikhahlele kuye ngentobeko.
11Sisinhanha esibhuqisa kungekavunwa,
esindyebo ixhanyulwa naziidonki.
Nguhlamba ngewayini,
12intw' emehlo aligazi kukumfimfith' iwayini,
le ntw' imazinyo amhlophe zizapholo.
13“UZebhulon uye kuma phezu kolwandle;
yintw' emanxweme azizikhululo zeenqanawa;
yintw' emhlaba uye kuthi xhaxhe ngeSidon.
14“UIsakare akayidluli nganto imbongolo;
yint' ofik' ilele isoyiswa yimithwalo.
15Kambe ke weva ukuba kumnandi ukubuthuma,
nelizwe liyaphumza.
Yintw' egob' umqolo, ithwalisw' imithwalo,
intw' enyanzelwa okwesicaka emsebenzini.
16“UDan ngomnye wezindlu zikaSirayeli;
nguye umgwebi wabantu bakhe.
17UDan yinyoka esecaleni lendlela;
yinyoka enobuhlungu elalel' ukuluma ihashe esithendeni,
khon' ukuze umkhweli limphose phantsi.
18“*Ndikhoyo, ndilindele ukukhululwa nguwe!
19“UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange,
kodwa wojika aziswantsulise.
20“Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,
uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.
21“UNafetali yena lixhama lasendle;
intw' ezala amaduna namathokazi.
22“UJosefu ngumdiliya omi ngasemthonjeni;
intw' emaseb' afukufuku, aqabel' ezindongeni.
23Yintw' ehlaselwa ziintshaba zayo,
ziyisukele ngeentolo nezaphetha.
24Kodwa olwakhe utolo alugungqi,
neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi,
yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.
25NguThixo kayihlo okuncedayo;
nguThixo uSomandla okuthamsanqelisayo ngeemvula zaphezulu,
nangamanzi aphuma enzulwini ngaphantsi komhlaba.
Nguye okuthamsanqelisa ngabantwana nangemfuyo.
26Amathamsanqa owanikwe nguyihlo
aya kuqina kuneentaba ezisisimakade,
achume kunendyebo yeenduli zaphakade.
Konke oku makuwe phezu kwentloko kaYosefu,
yena ukhethiweyo kubantakwabo.
27“UBhenjamin lithole lengcuka elinoburhalarhume.
Kusasa uqwenga ixhoba;
ngokuhlwa waba okuphangiweyo.”
28Zizo ke ezi izizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. Lo ke ngumyolelo kayise koonyana bakhe ngabanye.
Ukufa nokungcwatywa kukaYakobi
29UYakobi uqokele wathi ukuyolela: “Njengoko sendiza kuya kookhokho, nize nindingcwabe koobawo, kulaa mqolomba ukulaa ntsimi kaEfron umHeti, 30eMakapela ngasempumalanga yeMamre eKanana. Loo mqolomba wathengwa nguAbraham kuEfron ukuze kungcwatyelwe kuwo. 31Kulapho angcwatyelwe khona uAbraham kunye noSara umkakhe. Kulapho angcwatyelwe khona uIsake kunye noRabheka umkakhe. NoLeya ukwangcwatyelwe apho. 32Loo ntsimi yathengwa kunye naloo mqolomba ukuyo kumaHeti. Nam ke nize nindingcwabele apho.” 33Akuwugqiba umyolelo wakhe uYakobi koonyana bakhe, wabuya wangqengqa, waphuma umphefumlo.

Currently Selected:

EYEZIQALO 49: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy