YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 37

37
UJosefu nabakhuluwa bakhe
1UYakobi wayehlala eKanana, kwelo lizwe wayemi kulo uyise ngaphambili. 2Nanga amagqabantshintshi ngoYakobi.
Akuba yinkwenkwe eneshumi linesixhenxe leminyaka ubudala, uJosefu wayedla ngokuhamba nabakhuluwa bakhe abangoonyana bakaBhiliya noZilipha, amaqadi kayise, baye kwalusa impahla. Wayedla ngokubaxela kuyise ngezinto ezingekho mgaqweni ababezenza.
3USirayeli wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo uJosefu, kuba yena wavela selaluphele uSirayeli. Wamenzela ingubo embeje-mbeje. 4Bathi abantakwabo bakuphawula ukuba uyise umthanda ukugqitha bona uJosefu, bamthiya kangangokude bangakwazi nokuthetha kakuhle naye.
5Ngabusuku buthile uJosefu waba nephupha, athe akulilawula kubakhuluwa bakhe, bamthiya ngakumbi. 6Wathi kubo: “Khanive ndinixelele iphupha lam. 7Ndiphuphe sisemasimini, sibopha izithungu zengqolowa. Suka esam isithungu sema nkqo, zaza ezenu zeza kusingqonga, zakhahlela kuso.”
8Bathe abakhuluwa bakhe: “Ngaba uba uza kuba yikumkani, size thina silawulwe nguwe?” Loo nto yelo phupha yamenza wanetyheneba kubo, nangenxa yeentetho zakhe.
9Uphinde wanelinye iphupha uJosefu, wabuya wabalawulela abantakwabo, esithi: “Kweli iphupha ndibone ilanga, nenyanga, neenkwenkwezi ezilishumi elinanye, zikhahlela kum.”
10Ulilawule nakuyise eli phupha. Wamngxolisa uyise, esithi: “Suk' apha, phupha lini eli athi unyoko nabantakwenu kunye nam sikhahlele wena!” 11Abakhuluwa bakaJosefu bammonela, kodwa yena uyise wamana elijika-jika engqondweni eli phupha.
UJosefu uyathengiswa, asiwe eJiputa
12Ngamini ithile abakhuluwa bakaJosefu babeseShekem besalusa impahla, 13wathi uSirayeli kuJosefu: “Ndifuna ukukuthuma kubantakwenu eShekem apho bayalusela khona impahla.”
Uthe uJosefu: “Kulungile, tata.”
14Uthe uYakobi: “Khawuye kukhangela ukuba abantakwenu basahleli kakuhle na, nokuba akukho monakalo ukhoyo na empahleni, ubuye uze kundazisa.” Wanduluka ke uJosefu kuloo ntili yeHebron, ethunywe eShekem.
Wahamba waya kufika eShekem uJosefu. 15Kuthe esabhadula kwelo zwe, kwavela ndoda ithile, yambuza yathi: “Ufuna ntoni?”
16“Ndifuna abantakwethu abalusa impahla; ungandixelela apho bakhoyo?” utshilo uJosefu.
17“Sebemkile,” itshilo loo ndoda. “Ndibavele besithi baza kuya eDotan.” Wenjenjeya ke uJosefu ukulandela abantakwabo, wada waya kugaleleka eDotan, apho wafika bekhona.
18Bambona esekude, waza wathi efika kubo baba sebenze iyelenqe lokumbulala. 19Bathi bakumbona: “Nanku esiza laa mphuphi. 20Masimbulale, size isidumbu sakhe sisifake kwelinye lala maqula atshileyo, sithi uqwengwe ngamarhamncwa, sibone ke ukuba aya kuthini na loo maphupha akhe.”
21URubhen wabavela kuloo nto, wafuna ukumsindisa uJosefu, wathi: “Hayini, madoda, 22masingambulali siphalaze igazi lomntakwethu. Makaphoswe nje kweli qula lilapha entlango, kodwa ningamenzakalisi.” Ethetha loo nto nje wayeceba ukumhlangula kubo, aze amgoduse amse kuyise. 23Akufika kubantakwabo uJosefu, bamkhulula loo ngubo imbeje-mbeje, 24baza bamthatha bamphosa equleni elingenamanzi.
25Kuthe ke besatya, kwee gqi igqiza lamaIshmayeli, evela eGiliyadi, esinga eJiputa. Ayeqhuba iinkamela ezithwele intlaka yesiqhumiso, namafutha anamakha, nentlaka yokuqhola. 26UJuda wabhekisa kubantakwabo, wathi: “Iza kusenzela ntoni into yokubulala umntakwethu, khona sesibufihlile obo bugwinta? 27Masithengise ngaye kula maIshmayeli. Ngaloo ndlela asiyi kumenzakalisa. Andithi gxebe ligazi lethu eliya?” Bavumelana naye abanye. 28Kwathi xa kwakudlula iqela labarhwebi bamaMidiyan, bamkhupha uJosefu kuloo mhadi, bamthengisa ngamashumi amabini eesiliva kumaIshmayeli, awamthathayo amsa eJiputa.
29Akuya kuvela kwelo qula uRubhen, wafika engekho uJosefu, wasuka wakrazula izambatho zakhe ngenxa yosizi awayenalo. 30Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi: “Madoda, laa nkwenkwe ayikho phaya; ndiza kuyithini le nto?”
31Banqumla ibhokhwe, baza ingubo kaJosefu bayityikila ngelo gazi layo. 32Bayithatha loo ngubo, bayisa kuyise, bafika bathi: “Sichole le nto; khawufanise ukuba ngaba asiyiyo eyonyana wakho na?”
33UYakobi wayifanisa kwangoko, wathi: “Yingubo yomntwanam le! Kwowu, uqwengwe ngamarhamncwa! Hayi, amqwenga-qwengile umntwanam uJosefu!” 34Wazikrazula izambatho zakhe uYakobi, elusizi; wanxiba ezamarhonya, ezila. Wamzilela ithuba elide unyana wakhe. 35Beza kumthuthuzela bonke oonyana neentombi zakhe, kodwa wala, akavuma ukuthuthuzeleka. Uthe kubo: “Ndiya kude ndife ndisamzilele umntwana wam.” Wazila rhoqo ke, ezilela unyana wakhe uJosefu.
36Ngelo xesha amaMidiyan ayeselemthengisile uJosefu eJiputa kuPotifare, elinye lamagosa okumkani waseJiputa, elaliyinduna yabalindi bebhotwe lakomkhulu.

Currently Selected:

EYEZIQALO 37: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy