YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 36

36
Inzala kaEsawu
(1 Gan 1:34-37)
1Nanga amagqabantshintshi ngoEsawu okwanguEdom. 2UEsawu watshata iintombi zaseKanana. Wathatha uAda, intombi kaElon umHiti, noHolibhama intombi ka-Ana unyana kaZibheyon, umHivi, 3kunye noBhasemati, intombi kaIshmayeli, engudade boNebhayoti. 4UAda wazala uElifazi, uBhasemati wazala uRuweli, 5waza uHolibhama wazala uJewushe noJalam kunye noKora. Bonke aba nyana bakaEsawu bazalelwa eKanana.
6UEsawu wathatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, iintombi zakhe, nabo bonke abantu bakhe, kunye nemfuyo yakhe, nayo yonke impahla awayifumana kwilizwe laseKanana, wemka wamshiya umntakwabo uYakobi. 7Unobangela wokuba emke kukuba lo mhlaba wawungasabaneli; imfuyo yabo yayiselininzi kakhulu. 8UEsawu ke waya kuma kweleentaba e-Edom.
9Nantsi inzala kaEsawu, ukhoko wamaEdom: 10-13Umka-Esawu, uAda, wazala unyana uElifazi. UElifazi yena wazala uTeman, no-Omare, uZefo, uGatam, noKenazi. Omnye umfazi kaElifazi, uTimna, wazala uAmaleki.
UBhasemati, umka-Esawu, yena wazala uRuweli. Yena uRuweli wazala uNahati, uZera, uShama, kunye noMiza.
14Umka-Esawu onguHolibhama intombi ka-Ana lo ungunyana kaZibheyon, yena wazala uJewushe, uJalam, noKora.
15Nazi ke izizwe ezingumlibo kaEsawu: UElifazi izibulo likaEsawu, nguyise-mkhulu wezi zizwe zilandelayo: amaTema, amaOmare, amaZefo, amaKenazi, 16amaKora, amaGatam, nama-Amaleki. Bonke aba ngabomlibo ka-Ada umka-Esawu.
17URuweli, unyana kaEsawu, yena nguyise-mkhulu wezi zizwe: amaNahati, amaZera, amaShama, namaMiza. Bonke aba ngabomlibo kaBhasemati umka-Esawu.
18Ezi zizwe zilandelayo zingumlibo kaEsawu ngoHolibhama intombi ka-Ana: amaJewushe, amaJalam, namaKora. 19Zonke ezi zizwe yinzala kaEsawu.
Inzala kaSeyire
(1 Gan 1:38-42)
20-21Abemi bemveli belase-Edom yayizizizwe ezimlibo ulandwa ngaba bazukulwana bakaSeyire umHori: uLotan, uShobhali, uZibheyon, uAna, uDishon, uEzere, noDishan.
22ULotan wayengukhoko wamaHori namaHeman. ULotan wayenodade wabo uTimna.
23UShobhali wayengukhoko wama-Alvani, namaManahati, amaEbhali, amaShefo, namaOnam.
24UZibheyon wazala uAya noAna. Ngulo Ana lo wabhaqa imithombo yamanzi ashushu entlango esalusa iidonki zikayise.
25-26UAna wazala uDishon, lo ungukhokho wamaHemdan, amaEshbhan, amaItran, namaKeran. UAna wayekwanentombi egama linguHolibhama.
27UEzere wayengukhokho wamaBhilehan, amaZavan, nama-Akane.
28UDishan yena ungukhokho wamaUzi nama-Aran.
29-30Nazi izizwe zamaHori ezimi e-Edom: ngamaLotan, amaShobhali, amaZibheyon, ama-Ana, amaDishon, amaEzere, namaDishan.
Iikumkani zase-Edom
(1 Gan 1:43-54)
31-39Kwangaphambi kokuba zibekho iikumkani kwaSirayeli, ezi zilandelayo yayiziikumkani ezalawula kwaEdom, ngokulandelelana kwazo:
uBhela unyana kaBhehore waseDinabha;
uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera;
uHusham wakummandla wakwaTeman;
uHadadi unyana kaBhedadi waseHaviti, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi;
uSamla waseMasereka;
uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati;
uBhali-hanani unyana ka-Akibho;
uHadadi wasePawu omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi nomzukulwana kaMezabhi.
40-43UEsawu wayengukhokho wezi zizwe zamaEdom: amaTimna, ama-Aleva, amaYetete, amaHolibhama, amaEla, amaPinon, amaKenazi, amaTeman, amaMibhezare, amaMagediyeli, namaIram. Ummandla wesizwe ngasinye wathiywa ngegama lentloko yeso sizwe.

Currently Selected:

EYEZIQALO 36: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy