YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 35

35
UYakobi usikelelwa nguThixo eBhetele
1Wathi uThixo kuYakobi: “Hamba ngoku uye kuhlala eBhetele. Uze ufike undenzele iqonga lamadini apho. Mna ndingulaa Thixo wavela kuwe xeshikweni wawubaleka umkhuluwa wakho uEsawu.”
2UYakobi ke wayalela intsapho nezicaka zakhe wathi: “Yahlukanani *noothixo basemzini abaphakathi kwenu, nihlambuluke, ninxibe mpahla zimbi. 3Siza kumka apha, sifudukele eBhetele, apho ndiya kumisa khona iqonga lamadini loThixo owandikhulula engxakini nobesoloko enam naphi na apho ndikhoyo.” 4Bazikhupha ke *izithixo zasemzini, bazinika uYakobi kunye naloo macici babewafakile. Ezo zinto wazimbela ngaphantsi komthi wom-oki ongakwidolophu yaseShekem.
5Ukumka kukaYakobi noonyana bakhe, abantu beedolophu ezikufuphi baba noloyiko olukhulu, ababasukela. 6Waya kugaleleka eBhetele eKanana uYakobi nentsapho yakhe yonke. IBhetele ke yayaziwa ngokuba yiLuzi. 7Wamisa iqonga lamadini apho uYakobi, wayithiya loo ndawo ngoThixo waseBhetele. Kaloku kulapho uThixo wazibonakalisayo kuYakobi xa wayebaleka umkhuluwa wakhe. 8UDibhora impelesi kaRakeli, wabhubhela khona apho, wafihlelwa phantsi komthi wom-oki owawusezantsi kweBhetele. Kwathiwa ke loo ndawo nguM-oki weeNyembezi.
9UThixo wabuya wavela kuYakobi ukubuya kwakhe ePadan-aram, wabuya wamthamsanqelisa. 10Wenjenje ukuthetha uThixo: “Kuthiwa igama lakho unguYakobi, kodwa ukususela ngoku kuya kuthiwa unguSirayeli.” Kwaba ke njalo uThixo umthiya igama elinguSirayeli.
11Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani. 12Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”
13UThixo wamshiya ke apho akugqiba ukuthetha naye. 14Apho kanye kuloo ndawo uThixo wayethetha kuyo noYakobi, wemisa ilitye uYakobi, walinikela kuThixo ngokuligalela iwayini namafutha. 15Loo ndawo wathi yiBhetele.
Ukubhubha kukaRakeli
16Wafuduka uYakobi nentsapho yakhe eBhetele. Kwathi xa babekude kufuphi ne-Efrata, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba uRakeli abeleke. Kwaba nzima kakhulu. 17Kwathi egcuma ziintlungu, wavakala esithi umbelekisi wakhe: “Uzungoyiki, Rakeli, uzele enye inkwenkwe.” 18Ngelo xesha ke uRakeli wayeseleqhawuka. Uthe kanye xa uphumayo umphefumlo wathi igama laloo mntwana nguBhenoni. Uyise yena wathi nguBhenjamin.
19Waza ke uRakeli wafa, wangcwatywa ecaleni kwendlela eya e-Efrata, ekuthiwa yiBhetelehem. 20Wemisa ilitye lesikhumbuzo apho uYakobi. Liselapho; nangoku lisaqondisa ingcwaba likaRakeli. 21Wahambela mganyana uYakobi, wafika wemisa malunga neMigdali-edere.
Oonyana bakaYakobi
(1 Gan 2:1-2)
22Ngethuba wayesekuloo mmandla uSirayeli, uRubhen walala noBhiliya, elinye lamaqadi abafazi bakayise uSirayeli. Wayiva loo nto uSirayeli.
UYakobi wayenoonyana abalishumi elinambini. 23Oonyana abazalwa nguLeya yayinguRubhen, izibulo likaYakobi, noSimon, noLevi, noJuda; uIsakare noZebhulon. 24Oonyana abazalwa nguRakeli yayinguJosefu noBhenjamin. 25Oonyana bempelesi kaRakeli uBhiliya yayinguDan noNafetali. 26Oonyana bempelesi kaLeya uZilipha yayinguGadi noAshere. Aba nyana bazalelwa ePadan-aram.
Ukubhubha kukaIsake
27UYakobi waya kuyise eMamre kufuphi neHebron, ekwakusithiwa yiKiriyati-arbha, apho babemi khona ooAbraham noIsake. 28UIsake uhleli iminyaka elikhulu linamashumi asibhozo. 29Ubhubhe seleyinkothovu yexhego, wangcwatywa ngoonyana bakhe uEsawu noYakobi.

Currently Selected:

EYEZIQALO 35: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy