YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 34

34
Ukuhlaziswa kukaDayina
1Ngamhla uthile uDayina intombi kaYakobi noLeya waya kubutha kwezinye iintombi zaseKanana. 2UShekem, unyana kaHamore umHivi inkosi yaloo mmandla, wambona, wemka naye, wazithathel' isondo kuye. 3Wasuka wathi ti yiloo ntombi uShekem, wayithanda, wazama ukuzicengezela kuyo. 4Waxelela uyise ukuba makamthathele yona ibe ngumkakhe.
5Weva uYakobi ukuba intombi yakhe yonakele. Kodwa ngenxa yokuba babengekho oonyana bakhe, besemadlelweni, akazange enze nto kwada kwabuya bona.
6Uyise kaShekem uHamore waya kuthetha noYakobi. 7Kwakuxa kanye babuyayo emadlelweni oonyana bakaYakobi. Bothuka, bakhathazeka kakhulu bakuyiva into embi kangaka eyenziwe nguShekem yokunyelisa amaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, nto leyo ingenziwayo kwaSirayeli.
8UHamore wenjenje ebhekisa kuYakobi: “Unyana wam uShekem uyayithanda le ntombi yakho. Ndiyakucela ke, mvumele ayithathe. 9Masivane thina kwinto yokuba abantu bethu bendiselane. 10Nawe ke ungema naphi na kulo mhlaba wakowethu, urhwebe nokurhweba kangangoko uthanda, ufuye nempahla.”
11Uthe ke yena uShekem kuYakobi noonyana bakhe: “Ndikhululeleni le ntombi. Ndiya kuhlawula nantoni na eniyifunayo. 12Ndixeleleni ikhazi emandilikhuphe, libe likhulu kangangoko nifuna; nixele namabhaso eniwafunayo, ndininike. Nantoni na eniyifunayo ndingayikhupha, ukuba nje niyavuma ndimthathe uDayina.”
13Ngenxa yokuba uShekem wayeselemhlazisile udade wabo uDayina, oonyana bakaYakobi babaphendula ngelibaqhathayo ooShekem noyise uHamore, 14benjenje: “Asinakumendisela kumntu ongalukanga udade wethu. Into enjalo ingalihlazo. 15Singavuma xa nina, kunye nawo onke amadoda alapha, nisaluka, nifane nathi. 16Nolwendiselwano olu nina nithetha ngalo singalwamkela phantsi kwaloo mqathango kuphela, sihlale phakathi kwenu, sibe ngabantu abanye. 17Kodwa ke ukuba anivumelani nathi ngale ndawo, siya kumthatha udade wethu, sifuduke apha.”
18Yavakala ilungile imihle le miqathango kuHamore nakunyana wakhe uShekem. 19UShekem akapholisanga maseko, ngenxa yokuba wayemthanda uDayina intombi kaYakobi. UShekem wayexatyiswe kakhulu kowabo.
20UHamore noShekem babizela amawabo embizweni ngasesangweni ledolophu, babhekisa kuwo benjenje: 21“Abaya bantu ngabahlobo bethu. Masibavumele bahlale bazive besekhaya apha kowethu. Mkhulu lo mhlaba; ungasanela sonke. Singendiselana nokwendiselana nabo. 22Kodwa abaya bantu bathi bohlala phakathi kwethu, sibe ngabantu abanye, ngaphantsi komqathango omnye: lo wokuba onke amadoda aluke, afane nabo. 23Anithi ke izinto zabo nemfuyo yabo yonke ayingebi yeyethu xa kunjalo? Masivumelane ke nabo, bahlale nathi.” 24Laba linye kumntu wonke kubemi baloo dolophu, aza onke amadoda aluka.
25Emva kweentsuku ezintathu, xa kanye onke amadoda aqhanile ziintlungu, oonyana ababini bakaYakobi, abanakwabo-Dayina, uSimon noLevi, bathatha amakrele abo, bangena esixekweni, bengarhanelwa bani, bafika bawabulala onke amadoda 26kunye noHamore noShekem. Baya kuthatha uDayina kwaShekem, bemka naye. 27Emva koko abanye oonyana bakaYakobi bangena edolophini, bayiphanga, bekhupha isixhiba ngenxa yokunyeliswa kodade wabo. 28Bemka neegusha, neenkomo, needonki, babutha konke esixekweni nasemadlelweni. 29Yonke into enexabiso bahamba nayo, bathatha bonke abafazi nabantwana kunye nempahla yezindlu.
30UYakobi wathi kuSimon noLevi: “Nina nindibangela ingxwaba-ngxwaba ngale nto. Ngoku ndiza kucatshukelwa ngabantu bonke, amaKanana kunye namaPerezi. Andinamadoda maninzi mna. Ukuba bona banokudibana bandihlasele ungatshabalala wonke umzi wam.”
31Bamphendula ngelithi: “Besingenakuyeka udadethu aphathwe njengehenyukazi.”

Currently Selected:

EYEZIQALO 34: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy