YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 33

33
UYakobi uhlangana noEsawu
1UYakobi wambona uEsawu esiza namakhulu amane amadoda, waza abantwana wabahlula-hlula phakathi koLeya noRakeli namaqadi abo omabini. 2Wabeka amaqadi nabantwana bawo ngaphambili, weza noLeya nabantwana bakhe, kwaza ekugqibeleni yanguRakeli noJosefu. 3UYakobi wayengaphambi kwabo, ekhahlela kwada kwakasixhenxe njengokuba wayesiya esondela kumntakwabo. 4UEsawu wakhawuleza ukuya kuye, waziphosa kuye, wamgona, wamanga. Balila bobabini. 5Akusinga-singa uEsawu, wabona abo bafazi nabo bantwana, wabuza wathi: “Ngoobani aba uhamba nabo?”
“Mhlekazi, ngabantwana endibaphiwe nguThixo,” utshilo uYakobi. 6Eza amaqadi nabantwana bawo, afika akhahlela. 7Kwalandela uLeya nabakhe abantwana, kwaza kwagqibela uJosefu noRakeli, nabo bakhahlela.
8UEsawu uthe: “Yona laa mihlambi ndihlangene nayo endleleni?”
Uthe ukuphendula uYakobi: “Bendiyithumela ukuza kundicengela kuwe, mhlekazi.”
9Uthe uEsawu: “Ndinemfuyo ngokwaneleyo, mfo wethu; gcina izinto zakho.”
10UYakobi wathi: “Ndincede, zithathe ukuba uyasamkela isicengo sam. Xa ndibona ubuso bakho, ngathi ndibona ubuso bukaThixo, ingakumbi ngoku sowundamkele ngobubele. 11Zithathe kaloku ezi zipho ndikuphathele zona. UThixo undenzele ububele, wandipha yonke into ebendiyifuna.” UYakobi wamcenga uEsawu, wada woyisakala wazithatha ezo zipho.
12Uthe uEsawu: “Masilungiselele ukunduluka ngoku. Mna ndiza kukukhapha.”
13UYakobi uthe: “Kaloku abantwana bam baselula, yaye kufuneka ndicingele neegusha kunye namatakane azo, kuba ukuba zikhe zaxheshwa usuku nje olunye, zingafa zonke. 14Hamba ngaphambili wena, mna ndolandela, ndicothoza kunye nabantwana kunye nemihlambi, de ndikufumane e-Edom.”
15Wathi uEsawu: “Xa kunjalo ke makushiyeke namanye amadoda kula ndihamba nawo.”
Kodwa wathi uYakobi: “Hayi, akukho mfuneko; kwanele xa ndamkelekile kuwe.” 16Wanduluka ke ngaloo mini uEsawu ukusinga e-Edom. 17Kodwa yena uYakobi wenjenjeya esiya eSukoti. Apho wazakhela indlu, nemihlambi yakhe wayenzela uthango. Yiyo loo nto loo ndawo kuthiwa yiSukoti.
18Ekubuyeni kwakhe ePadan-aram, uYakobi wahamba kakuhle, waya kufika kwidolophu iShekem kwelaseKanana, wamisa apho kufuphi nedolophu leyo. 19Wawuthenga loo mhlaba kubazukulwana bakaHamore uyise kaShekem ngekhulu leesiliva. 20Wenza iqonga lamadini apho, wayithiya loo ndawo ngoThixo, uThixo wamaSirayeli.

Currently Selected:

EYEZIQALO 33: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy